By Siphosethu Gqwa
Umncedisi womphathi kudederhu lweevenkile eMpuma Koloni ufunyenwe enetyala lobuqhophololo obungaphaya kwamakhulu asixhenxe amawaka eerandi.
URosslyn Moodley, oneminyaka engamashumi amane nsithathu (43), ugwetywekwinkundla kamantyi yaseMonti, ngoLwesithathu umhla weshumi elinesine (14) kweyeThupha 2024.
Ingxelo yephephandaba i-Independent Online idize ukuba iCandelo loPhando loLwaphulo-Mthetho oluPhambili lithi uMoodley wabanjwa ngoFebruwari 13, 2023.
Ethetha ngeli tyala, isithethi sooKhetshe eMpuma Koloni uKapteni Yolisa Mgolodela uthi olu rhwaphilizo lwenzeke kwisithuba seminyaka emibini.
“UMoodley wayeqeshwe njengoNcedisi woMphathi kwi-Hemmingway’s Mall kwi-ofisi yolawulo lweziko. Ngexesha lika-2018 no-2020 wenze ubuqhetseba “iivawutsha zekhadi lesipho” ukuze azuze yena.
“Lo mba uye wafakwa ngokusesikweni kwiCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho lwaseMonti (kwicandelo) leeHawks ukuze kuphandwe ngokucokisekileyo.”
OoKhetshe bathi uphando ludize ukuba uMoodley usebenzise ngobuqhophololo imali yeli ziko kwixabiso elingaphaya kwe-R720,000.” Uthe emva kokubanjwa kwakhe, uMoodley wakhululwa ngesilumkiso.
UMgolodela uthe emva kokuvela izihlandlo ezininzi ezinkundleni ngexesha lokuxoxwa kwetyala lakhe, uMoodley uye wagwetywa.
Lo mcimbi uhlehliselwe umhla we-14 ku-Okthobha 2024 ukuze kunikwe ingxelo yegosa elijongene novavanyo.
Intloko yeeHawks eMpuma Koloni uMajor General Mboiki Obed Ngwenya uwancomile la maqela ngokuqinisekisa ukugwetywa kukaMoodley, watsho esithi makugwetywe isigwebo esilingana nolwaphulo mthetho.
By Siphosethu Gqwa