By Asipile Kitchen.
Kufunyanwe imipu emithathu kunye neembumbulu ngethuba lolo phulo.
Oku kubanjwa kulandela isiganeko sangoMgqibelo, umhla wamashumi amathathu ananye (31) kuCanzibe 2025, malunga nentsimbi yesithandathu (18:00), xa amapolisa ejikeleza abona amadoda amathathu ngaphandle kwevenkile ekwisitalato iBafana Xhashimwe, eHankey. Ababini kula madoda bachongwe njengabarhanelwa ababefunelwa ukukhomba ngompu kunye nokubetha. Ekugqogqeni elo qela, amapolisa afumanisa umpu ongenaphepha-mvume kunye neembumbulu kwindoda yesithathu. Bobathathu babanjwa ngoko nangoko.
Ngethuba kuhanjiswa abarhanelwa ukuya kwisikhululo samapolisa, amapolisa aqaphele ukuziphatha okukrokrisayo kumnini-venkile kunye nabancedisi bakhe ababini. Amapolisa abuyele kwindawo apho uphando lwangaphambili, kuquka uphononongo lwemifanekiso yokhuseleko lwevenkile, ludize ukuba abarhanelwa bokuqala baphosa imipu emibini evenkileni ukufika kwamapolisa. Kufunyenwe imipu emibini eyongeziweyo ngaphandle kwempepha-mvume ngaphakathi evenkileni, nto leyo ekhokelele ekubanjweni komnini kunye nabancedisi bakhe ababini.
Abarhanelwa abathandathu, abaphakathi kweminyaka elishumi elinethoba (19) namashumi amane ananye (41), bajongene namatyala aquka ukukhomba ngompu, ukubetha, ukuba nemipu engekho mthethweni nokuba neembumbulu ezingekho mthethweni.
Amatyala angongezwa njengoko uphando luqhubeka.
Ibambela likaMkomishinala weSithili u-Sarah Baartman, uBrigadier Asogran Naidoo, uncome amagosa ngokuqaphela kwawo.
“Ukuphaphama kwawo ekuphatheni abarhanelwa abasenokuba baxhobile kuqinisekise ukhuseleko loluntu kwaye kukhokelele ekufumaneni izixhobo ezingekho mthethweni.”
Le mipu ithinjiweyo iya kuvavanywa ukuze kubonwe unxulumano olunokubakho nolunye ulwaphulo-mthetho olumandundu.
