UMongameli uCyril Ramaphosa umgxothile uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, uNobuhle Nkabane.

Ukugxothwa kukaNkabane kulandela ingxwabangxwaba kwiinyanga ezininzi malunga nokuqeshwa kwebhodi yeSector Education and Training Authorities (SETA) nalapho kwaqeshwa abantu abaliqela beAfrican National Congress (ANC).

Ukugxothwa kwakhe kwakhona kuza kusuku phambi kokuba avele phambi kwekomiti yezemfundo ephakamileyo yasePalamente ukuze acacise ngenkqubo yokuchongwa kwebhodi yeSETA emva kokungaphumeleli kwiintlanganiso ezimbini zokugqibela zekomiti.

Kule ngxelo uNkabane udlulise umbulelo kumongameli Ramaphosa ngokumnika uxanduva lokuba ngumphathiswa wemfundo ephakamileyo.

Uthe kuyinyhweba ukukhokela isikhundla esibaluleke kangaka kwaye uzibophelele kwinkonzo yabemi boMzantsi Afrika kuphuhliso lwelizwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA