Home Iindaba UMongameli uCyril Ramaphosa uza kutyikitya esidlangalaleni uMthetho osaYilwayo we-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe.

    UMongameli uCyril Ramaphosa uza kutyikitya esidlangalaleni uMthetho osaYilwayo we-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe.

    UMongameli uCyril Ramaphosa uza kutyikitya uMthetho osaYilwayo we-Inshorensi yezeMpilo.

    NgoLwesithathu, umhla weshumi elinesihlanu (15) kuCanzibe-2024, uMongameli uCyril Ramaphosa uza kutyikitya esidlangalaleni uMthetho osaYilwayo we-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (NHI) eyalela ukuba kuguqulwe inkqubo yokhathalelo lwempilo yaseMzantsi Afrika ukuze zifikeleleke kubo bonke abantu iinkonzo zempilo kwaye, ngokwenza oku, kuncedise intlalo-ntle ebalulekileyo, ukungalingani kwezoqoqosho kunye nokungalingani kwexesha elidlulileyo.

    Umsitho wokutyikitya uzakubanjelwa kwizakhiwo zoMdibaniso, ePitoli ngomso, ngentsimbi yesibini malanga (14h00).

    By Anita Qubula.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks