16.5 C
King William's Town
Tuesday, October 8, 2024

UMongameli uRamaphosa udlulisa umyalezo wovelwano kwiintsapho zamaxhoba esiganeko sokubulawa kwabantu eLusikisiki.

UMongameli uCyril Ramaphosa uvakalisa uvelwano olunzulu kwiintsapho zabantu abalishumi elinesibhozo (18) abathe baphulukana nobomi babo kwisiganeko sangempela-veki sokudutyulwa kwabantu abaninzi kwilali yaseNgobozana eLusikisiki, eMpuma Kapa.

Iingcinga zikaMongameli zikwakunye nabasindileyo ekudutyulweni okwenzeke kuhlaselo kabini kwisitrato esinye apho amaxhoba amaninzi ingabantu basetyhini.

UMongameli Ramaphosa uqinisekisa iintsapho zabangasekhoyo ukuba iNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika iqokelela eyona mithombo yoncedo ukuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayabanjwa. Iqela labacuphi abaziingcali kunye neengcali zenzululwazi yezophando ziye zathunyelwa kwindawo yesiganeko solwaphulo-mthetho ukuncedisa kuphando.

Ukongeza, uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu kunye neenkokheli zesizwe kwiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika kulindeleke ukuba bandwendwele iintsapho kwaye bazibandakanye nabahlali ngesi sihelegu.

Ngaphandle kwetyala elikhoyo, abantu abangamashumi amathathu anesibhozo (38) babulewe phantsi kweemeko ezifanayo ngexesha leminyaka emibini, ngelixa abarhanelwa abangamashumi amabini anesihlanu (25) basavalelwe.

UMongameli Ramaphosa uthe: “Ndiziva ndivelana kakhulu nazo zonke iintsapho namalungu oluntu ngokubanzi achatshazelwe lolu hlaselo kwaye egameni lethu sonke njengabemi boMzantsi Afrika, ndinibonisa uvelwano olukhulu. Nangona simanyene kwintlungu yethu, sikwamanyene kwingqumbo kwaye siyasikhalimela esi siganeko solwaphulo-mthetho ngokugqithisileyo nesingenangohlwaywa.

“INkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika ibonakalise ukusebenza ngempumelelo kwayo ekujonganeni nolwaphulo-mthetho olungacwangciswanga nolucwangcisiweyo kwaye ndiqinisekile ukuba ityala laseLusikisiki liza kongezwa kwiimpumelelo ezishicilelwe kutshanje yinkonzo yethu yamapolisa. Ngoko ke amalungu oluntu kufuneka azive ekhululekile ukunika abaphandi ngolwazi olunokunceda amapolisa abambe abahlaseli.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.5 ° C
16.5 °
16.5 °
82 %
4.6kmh
87 %
Tue
16 °
Wed
32 °
Thu
37 °
Fri
26 °
Sat
34 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks