Home Iindaba UMongameli weli wandisa ingqesho Ye-SANDF ukulondoloza umthetho nomyalelo ngexesha lolonyulo .

    UMongameli weli wandisa ingqesho Ye-SANDF ukulondoloza umthetho nomyalelo ngexesha lolonyulo .

    UMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uxelele iNdlu yoWiso-mthetho ukuba amalungu angamawaka amabini anamakhulu asibhozo namashumi amabini anesibhozo (2 828) oMkhosi woKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika (i-SANDF) aza kuqeshelwa inkonzo ngentsebenziswano neNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ekuthinteleni nasekulweni ulwaphulo-mthetho kunye nokugcinwa komthetho nocwangco ngexesha loNyulo lweSizwe nolwePhondo lonyaka ka-2024.

    UMongameli Ramaphosa uxelele uSomlomo oBambeleyo weNdlu yoWiso-mthetho kunye noSihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo ukuba ukuqeshwa kwabasebenzi be-SANDF kuza kuba yinxalenye ye-Operation PROSPER kwaye iza kusebenza ukusuka ngomhla wamashumi amabini (20) kuCanzibe ukuya kumhla wesixhenxe (7) kweyeSilimela.

    Le ngqesho igunyaziswe ngokungqinelana nemigaqo yeCandelo lamamakhulu amabini ananye ((Section-201) (2) (a)) loMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika ka-1996, efundwa kunye neCandelo leshumi elinesithoba (19) loMthetho woKhuselo ka-2002 (uMthetho onguNombolo 42 ka-2002).

    Inkcitho yalo msebenzi iqikelelwa ngaphaya kwamashumi amahlanu ezigidi (-R59,451,704.)

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks