Home Iindaba UMphathiswa uGade phendule uyasikhalimela isenzo esenzeke eSt John’s College

    UMphathiswa uGade phendule uyasikhalimela isenzo esenzeke eSt John’s College

    ISebe lithi liziqaphele ngokuxhalabileyo izityholo ezimandundu ezivezwe ngabafundi baseSt John's College malunga neziganeko zohlaselo, ukugrogriswa nokuxhaphaza ngootitshala.

    Umfanekiso: UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Kapa, uFundile Gade.

    By Asemahle Mbete.

    ISebe lithi liziqaphele ngokuxhalabileyo izityholo ezimandundu ezivezwe ngabafundi baseSt John’s College malunga neziganeko zohlaselo, ukugrogriswa nokuxhaphaza ngootitshala.

    Bakwathe bayalugxeka ngokungathandabuzekiyo naluphi na uhlobo lwempatho-gadalala okanye ukuziphatha kakubi olubeka esichengeni ukhuseleko nesidima sabafundi.

    ISebe leMfundo lithi libeka phambili ukhuseleko lwabo bonke abafundi ezikolweni kwaye liqalise uphando olukhawulezileyo ngala mabango ngokusebenzisana nabasemagunyeni abachaphazelekayo.

    Babongoza nabani na onolwazi ukuba axele izehlo ngokuyimfihlo ngomnxeba wabo ongahlawulelwayo (080 1212 570).

    Ngelixa bevuma ilungelo labafundi lokuqhankqalaza ngoxolo, bakwafuna ukunqanda naluphi na uhlobo lwentshabalalo okanye ubundlobongela.

    Isebe lithi lizibophelele ekukhuthazeni indawo apho amazwi aviwayo nobulungisa buphunyezwa. Akukho mfundi kufuneka abandezeleke athule!

    Likwathe liza kuthatha inyathelo eliqinisekileyo ngakuye nawuphi na umenzi wobubi lo gama beqinisekisa iinkonzo zenkxaso, kubandakanywa neenkonzo zengqondo nentlalontle kubafundi abachaphazelekayo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks