Home Iindaba UMphathiswa uKontsiwe uzakungenelela ukunceda amafama achatshazelwe ngumlilo wamadlelo kuQumbu

    UMphathiswa uKontsiwe uzakungenelela ukunceda amafama achatshazelwe ngumlilo wamadlelo kuQumbu

    UMphathiswa woPhuhliso lwamaPhandle noHlengahlengiso lwezoLimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe kulindeleke ukuba kusasa ngoMvulo umhla weshumi elinesihlanu (15) kweyeKhala azise izinto ezibalulekileyo kumafama achatshazelwe yimililo yamadlelo yakutsha nje, kwilali yaseZilandane kuQumbu, kuMasipala weNgingqi waseMhlontlo.

    Izilwanyana ezingamakhulu amabini (200) ziye zatshatyalaliswa ngumililo wamadlelo, kuquka kuzo iigusha ezilikhulu elinamashumi asixhenxe ananye (171) kunye neebhokhwe ezingamashumi amabini anerhoba (29), ukanti ezingamashumi amathathu anesibhozo (38) zonzakele.

    Iilali ezichaphazelekileyo zikuWadi 17 no-19 ziquka ilali yaseZilandani, upTsilithwa, Nyanisweni, Mtondela kunye nelali yaseMahlungulu.

    Amafama asekuhlaleni, ngombutho wawo, acele uncedo kwisebe kwaye amemelela ukuba kubhengezwe intlekele.

    Isebe loPhuhliso lwasemaPhandleni kunye nohlaziyo lwezoLimo liza kugxila ekuboneleleni ngoncedo olukhawulezileyo, ukuxhasa ukubuyiswa kwemfuyo, kunye nokunceda kwiinzame zokubuyisela kwisimo sangaphambili sexesha elide.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks