UMphathiswa wezoBulungisa kwiiNkonzo zoLuleko uRonald Lamola, uvule kwakhona uphando malunga nokubhubha kwamatshantliziyo awayechasene nocalucalulo, uNkosi Albert Luthuli kunye noGriffiths Mxenge kwakunye nenkokeli yasekuhlaleni uBooi Mantyi.
Oku kulandela iingcebiso zeGunyabantu leSizwe loTshutshiso (NPA). ULuthuli wasweleka ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala 1967 ngengxelo esemthethweni echaza ukuba watshayiswa nguloliwe. Nangona kunjalo, uphando olwenziwa ngenyanga yoMsintsi 1967 aluzange luyithathele ingqalelo ingxelo yezibalo nesayensi eyatyhila ukuba, oko kwakungenakwenzeka.
UMxenge waphulukana nobomi bakhe ngomhla wamashumi amabini (20) kweyeNkanga ka-1981, phantsi kweemeko ezingaqondakaliyo. Ubungqina obutsha bolwazi olubalulekileyo abuzange bunikezelwe kwi-TRC.
Ukanti uMantyi wabulawa kwisityholo sokuxambulisana namalungu ombutho wamaPolisa oMzantsi Afrika kweyeSilimela ka-1985. Uphando olutsha luchonge umntu owazibonela ngawakhe amehlo nongazange anike bungqina ngaphambili ngalo mba.
By Anita Qubula
