By Buhle Nomgalasa.
UMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu uzikhabile izityholo ezenziwe nguMkomishinala wephondo laKwaZulu-Natal uLieutenant-General Nhlanhla Mkhwanazi, othe kutshanje kukho ukungenelela kwezopolitiko kuphando lweSAPS malunga nokubulawa kwezopolitiko KwaZulu-Natal naseRhawutini.
UMkhwanazi utyhole iinkokheli eziphezulu eziquka uMchunu ngokuphambukisa igqiza eliphambili eliphanda ubugebenga nobuqhophololo. Utyhole ngelithi uMphathiswa uMchunu wayalela ukuba lichithwe eli candelo ngenyanga yoMnga ka-2024 kwaye uqhube wathi unxibelelwano olufunyenwe kwiselula yomrhanelwa, uVusimuzi “Cat” Matlala, lubonisa unxibelelwano phakathi kukaMatlala, nogxa wakhe uBrown Mogotsi, kunye nomphathiswa ngokwakhe, kuquka negalelo lemali ekutyholwa ukuba lenziwe kwimicimbi yezopolitiko kaMchunu.
Ephendula kwezi zityholo ziqhumayo, uMphathiswa uMchunu ukhuphe ingxelo ecacisa ngokuma kwakhe. Wakhanyela ukuba uyanxulumana noMatlala, esithi:
“UMphathiswa akazange adibane noMnu. Matlala, zange athethe naye, kwaye noMphathiswa akazange acele okanye afune nto kuye.”
Noxa nje evuma ukuba uMatlala wanikwa ithenda, uMchunu uthe sele eqalisile ukuphonononga eso sivumelwano emva kokuvela kwezikrokro zokuziphatha kakubi. Ibiyithenda enye ethe yayekiswa,” utshilo uMchunu.
Ethetha ngokukhankanywa kukaBrown Mogotsi, uMphathiswa uye wacacisa ukuba nangona emazi uMogotsi, akabandakanyeki kwizinto zakhe.
“Nangona uMphathiswa esazi kwaye edibene noMnumzana uBrown Mogotsi, ngumntu nje amaziyo hayi anxulumene naye.”
Intetho yomphathiswa iza phakathi kwesaqhwithi sezopolitiko kunye noluntu. USekela-Mkomishinala kuzwelonke uShadrack Sibiya naye uwakhabile amabango kaMkhwanazi, etyhola umkomishinala ngokusebenza ngokungenankathalo nangaphandle kwesimilo esichubekileyo.
Njengoko iingxwabangxwaba zisanda kumanqanaba e-SAPS kunye noxinzelelo lwezopolitiko lusanda, ikhwelo likamongameli lokuzola liyavavanywa. Ungquzulwano phakathi kobunkokheli kuzwelonke kunye nomkomishinala wephondo alukhange luveze inkxalabo nje malunga noxanduva lwangaphakathi kodwa luphinde lwabeka ingqalelo kumbuzo obanzi wokuba ingaba ukungenelela kwezopolitiko kuyaliqhwalelisa na idabi lokulwa ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela norhwaphilizo.

