By Asemahle Mbete.
UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uGqirha Nobuhle Pamela Nkabane kwakunye nosapho lo mfundi ekutyholwa ukuba udutyulwe wabulawa ngethuba lezidubedube ebeziqhubeka kweli ziko lemfundo ngentsasa yangoMvulo baye batyelela eliziko kunye nesibhedlele ebesilele omnye wabo baye bonzakala, oku kuza emva kokuba le dyunivesithi ikhuphe ingxelo isithi umfi ebengengomfundi obhalisiweyo kwaye ebe ngengomsebenzi wale dyunivesithi.
UNkabane utyelele kwiKhampasi i-Nelson Mandela Drive ngorhatya wayizolo waze kamva watyelela omnye umfundi kwaba basindileyo.
UNkabane ucacise wathi, “Akazukuxoxisana namntu kwezo zobugcisa koko uyayazi izinto azibonileyo kwiingxelo ezivela ku-NSFAS njengeSebe ebelihlawula lo mfundi kunyaka ophelileyo de waphele unyaka.
Umphathiswa ukwathe isebe lezemfundo eliphakamileyo liza kuphonononga imigaqo yokhuseleko kwiiDyunivesithi jikelele.
