Home Iindaba UMphathiswa wePhondo uFundile Gade unikezele ngokusesikweni iziThuthi kwezona zikolo ziqhuba kakuhle kakhulu...

    UMphathiswa wePhondo uFundile Gade unikezele ngokusesikweni iziThuthi kwezona zikolo ziqhuba kakuhle kakhulu kwiZiko leeNkokheli iMandla Makupula, eMonti.

    UMphathiswa weSebe lezeMfundo uFundile Gade izolo unikezele ngokusesikweni iiNqwelo-mafutha neeVawutsha zemali kwizikolo ezintandathu ezithe zaphuma emagqabini kwi-MEC Excellence Awards zika-2024.

    By Anita Qubula.

    UMphathiswa weSebe lezeMfundo uFundile Gade izolo unikezele ngokusesikweni iiNqwelo-mafutha neeVawutsha zemali kwizikolo ezintandathu ezithe zaphuma emagqabini kwi-MEC Excellence Awards zika-2024.

    Ezi zikolo zintandathu (6) zilandelayo ziye zawongwa ngokusesikweni ngokuthi zizibalule kwizigaba ezahlukeneyo.

    Toli Senior Secondary School-OR Tambo District.
    Osborn Senior Secondary School-Alfred Nzo District
    Soqhayisa Senior Secondary School-Nelson Mandela District.
    St John College-OR Tambo District.
    Alexander High School-Nelson Mandela District.
    NeSikolo esiKhethekileyo ICape Recife High School-Nelson Mandela District.

    Kwintetha yakhe uMphathiswa uqhwabele izandla OoTitshala base Mpuma Kapa watsho esithi basebenza ngokuzimisela benyamekele impumelelo yabantwana beliphondo, ekhuthaza kananjalo ukuba bathi gqolo ukuphakamisa izinga lezemfundo kubantwana ezikolweni.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks