Home Iindaba UMphathiswa wePhondo uphelisa uloyiko lwabahlali baseTarkastad.

    UMphathiswa wePhondo uphelisa uloyiko lwabahlali baseTarkastad.

    UMphathiswa wezeMpilo uNksz Ntandokazi Capa uthomalalise uloyiko kubahlali baseTarkastad izolo kwiHolo leDolophu yase-Tarkastad emva kwentlanganiso noluntu.

    Umfanekiso: UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Kapa, uNtandokazi Capa.

    By Buhle Nomgalasa.

    UMphathiswa wezeMpilo uNksz Ntandokazi Capa uthomalalise uloyiko kubahlali baseTarkastad izolo kwiHolo leDolophu yase-Tarkastad emva kwentlanganiso noluntu. Uluntu lwaseTarkastad lucatshukiswe ngamarhe okuba isibhedlele i-Marje Venter ese-Tarkastad yayiza kuvalwa.

    U-MEC Capa uchazele intlanganiso ukuba la marhe asasazwa ukudala ukungazinzi kwedolophu. Uye wachaza ukuba ukuvalwa kweziko lezempilo kufuneka kutyikitywe kwaye akazange alubone uxwebhu olucebisa ukuba i-Marje Venter mayivalwe. U-MEC uchaze ukuba njengorhulumente onenkathalo, uRhulumente weMpuma Kapa ushumayela ukusondeza iinkonzo ebantwini kwaye ukuvalwa kwendawo kuya kuthetha ukukhanyela abantu ilungelo lokufikelela kwiinkonzo.

    U-Capa uphinde wachaza ukuba ukubuyiswa kwakhona kwezibonelelo kunethuba lokuzisa iphakheji ebanzi yeenkonzo. U-MEC Capa wongeze ngelithi ukuphinda kwenziwe injongo kwakhona kungane galelo lokuba kuqashwe abantu abaninzi. Ubalule imeko yobugcisa i-Meje CHC kunye nekliniki ekwilali yaseLusikisiki.

    UMphathiswa uthe oko kuseyingxoxo yangaphakathi kwisebe futhi nokuba ngubani na oxelele abahlali base-Tarkastad ukuba kuzakuvalwa isibhedlele benze loo nto ngabom ukunyusela phezulu iimvakalelo zabantu baseTarkastad.

    Ugxininise ukuba inyathelo ngalinye lenkqubo uyakunxibelelana nabantu base-Tarkastad kwaye okwangoku ebengekayiqalisi inkqubo yothetha-thethwano kuba wayeyalele amagosa eSebe lokuzisa iindlela ezintathu zokukhetha ngokwenkqubo yohlengahlengiso. Abantu base-Tarkastad bavakalise ulonwabo lwabo kuba uMphathiswa weza kubacacisela yonke inkqubo.

    Uluntu lwase-Tarkastad lwavuya kuba waligcina ilizwi lakhe lokuza kubabona uMEC-Capa. U-MEC uchaze izinto ezifanayo phakathi kokwenzeka e-Indwe kunye nokwenzeka eTarkastad kunye noluntu olwashiyeka luziva lonwabile emva kweentlanganiso. Intlanganiso nabahlali iye yathatha imizuzu engaphantsi kwama-shumi amane [40minutes]. Iinkokheli zezopolitiko zasekuhlaleni nezesithili bezikhona kule ntlanganiso.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks