12.2 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

UMphathiswa wePhondo uza kwazisa amajelo eendaba ngefuthe lomlilo wamadlelo eMpuma Koloni

By Anita Qubula

ISebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lweMihlaba eMpuma Koloni namhlanje lizakubamba indibano noonondaba malunga nomlilo wamadlelo kutsha nje kweli phondo.

UMasipala wesithili saseAmathole uthi lo mlilo unwenwele ukusuka eCathcart ukuya kutsho eMaqoma. Abalimi beli phondo babala ilahleko yabo equka iinkomo namadlelo.

U-Atule Joka, isithethi sesebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lweMihlaba eMpuma Koloni uthe, umphathiswa uza kubamba inkomfa noonondaba ukuze athethe ngokwanda kwemililo yamadlelo exhaphakileyo.

UMphathiswa uyothuswa kukunwenwa ngokukhawuleza kwale mililo kwaye ulumkisa ukuba ukuqala imililo kwiindawo ezivulekileyo ngaphandle kwemvume evela kwimibutho yasekuhlaleni yokukhusela umlilo lityala lolwaphulo-mthetho. Isebe lixakene nezicelo zokucela uncedo kumafama achatshazelwe yile mililo iqhubekayo.

Ekhatshwa ziingcaphephe kwezolimo, uMphathiswa uza kunika ingxelo eneenkcukacha aze achaze izicwangciso zongenelelo zesebe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.2 ° C
12.2 °
12.2 °
74 %
6.4kmh
95 %
Sat
31 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
24 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks