12.6 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

UMphathiswa weSeb lezeKaya uLeon Schreiber ucebisa uluntu ukuba bakhawuleze batshintshele kwiizazisi zabo zamakhadi (Smard ID card).

ULeon Schreiber weSebe leMicimbi yezeKhaya ufuna abemi boMzantsi Afrika baziyeke iincwadi zabo zezazisi ezindala neziluhlaza baze batshintshele kumakhadi ezazisi.

Iphephandaba i-The SouthAfrican lithi uMphathiswa weMicimbi yezeKhaya uLeon Schreiber ukhuphe isilumkiso esiqatha kubemi boMzantsi Afrika, esithi abemi beli lizwe basengozini enkulu yobuqhophololo nobusela ukuba abatshintsheli kwikhadi lesazisi (ID).

“Uphando lucebisa ukuba incwadi yeSazisi eluhlaza yoMzantsi Afrika yeyona ilula kakhulu ukwenza ubuqhophololo ngayo eAfrika, kwaye ubusela bezazisi buxhaphaza ilizwe lethu kwi-R1.5 bhiliyoni ngonyaka.

“Ukuba ufuna ukulwa ubuqhophololo norhwaphilizo ngelixa ukhusela usapho lwakho, tshintshela kwikhadi lesazisi phambi kokuba izikrelemnqa zibube ubomi bakho,” ubhale watsho uSchreiber ku-X (owayefudula enguTwitter) emva kwemini ngoMvulo.

Isilumkiso sikaSchreiber siza ngenxa yokubhangisa izazisi (ID) zesebe ezithathwa njengezobuqhophololo.

NgoLwesihlanu weveki ephelileyo, iSebe lezeKhaya libhengeze ukuba lizakuvala izazisi, libongoza abemi boMzantsi Afrika ukuba banike izizathu zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathathu zokuba kutheni zingacinywa umphelo.

“Ngeli nyathelo, iSebe lezeKhaya lijolise ekusombululeni zombini umba osele uneminyaka ukho wokuvalwa kwezazisi ngempazamo ngelixa kuphungulwa inani lamaxwebhu anobuqhophololo asasazwayo.

USchreiber ebekwiphulo elibukhali lokucoca iMicimbi yezeKhaya ukusukela oko wathi waqeshwa njengomphathiswa njengenxalenye kaMongameli uCyril Ramaphosa obizwa ngokuba ngurhulumente wobumbano lwesizwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
12.6 ° C
12.6 °
12.6 °
84 %
1.9kmh
0 %
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °
Mon
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks