Home Ezemfundo UMPHATHISWA WESEBE LEZEMFUNDO EBENDWENDWE ISIKOLO ITOLI NGENJONGO ZOKWANDISWA KWAMAGUMBI WOKUFUNDA

    UMPHATHISWA WESEBE LEZEMFUNDO EBENDWENDWE ISIKOLO ITOLI NGENJONGO ZOKWANDISWA KWAMAGUMBI WOKUFUNDA

    UMphathiswa wesebe lezemfundo ephondweni uFundile Gade ebambisene nekomiti yezikhalazo nothatho-nxaxheba loluntu kwisikolo samabanga aphakamileyo i-Toli kwingingqi iBombini phantsi koMasipala i-OR Tambo bebeyokusabela kuxwebhu lwezikhalazo olwalufakwe kwindlu yowiso mthetho luphakamisa umba wokwakha izikolo apho uluntu lungavumelaniyo malunga nesiza emakwakhiwe kuso isikolo kuMmandla.

    Ukanti amalungu ebezimase lomsitho singabalula u-Ohloniphekileyo uMzonke Ndabeni nongusihlalo we-Patition and Public Participation , uLitha Zibula nolilungu lombutho we-Economic Freedom Fighters kwezemfundo kwakunye nohloniphekileyo uMluleki Dlelanga nolilungu lombutho we-ANC kwisebe lezemfundo nabahlali ngokubanzi.

    Ikomiti kwingigqi ye-OR Tambo ongachazwanga ngagama uthi ukuba abasemagunyeni bafuna umhlaba kufuneka badibane nenkosi yendawo khonukuze bafumane umhlaba wokwakha isikolo emva kokungavisisani ngendawo yokwakha ukwandiswa kwamagumbi okufundela kwesisikolo. 

    Usihlalo we-PPP uMziwonke Ndebeni uthi ukubakho kwabo kukuzokuqinisekisa nokunika ingxelo kubahlali abangaxolanga ngendawo ebekuzakwandiswa kuyo esisikolo , nanjengoko bengafundi ukubavalela ngaphandle ngoluvo lwabo nangomhlaba okuzakwandiswa kuwo isikolo samabanga aphakamileyo iToli, kwaye kuye kwafikelelwa kwisigqibo esinye kwakunya nabahlali ngomhlaba ekuzakwakhiwa kuwo.

    Ingxelo:Yolisa Khundulu

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks