UMphathiswa wezeMfundo uGade uyazigxeka izenzo zokuxhatshazwa nokuhlukunyezwa kwabafundi.

By Asemahle Mbete.

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, ukugxeke ngamandla ukuphathwa gadalala, ukuxhatshazwa ngokwesondo kunye nokuxhatshazwa kwabafundi ngootishala kwezinye zezikolo zamabanga aphakamileyo ephondweni.

Oku kulandela ukuvela kweevidiyo kumakhasi onxibelelwano, ezibandakanya ootitshala kwizenzo zokuziphatha kakubi ngokwesondo kubafundi. Isebe leMfundo liphinde lakhankanya ukuba liligxeka kakhulu eli nyathelo nelichazwa njengelibi, elingekho mthethweni, kwaye liya kuthatha amanyathelo okuqinisekisa amalungelo abantwana asemthethweni, oku kubandakanya isidima, ubomi kunye nemfundo ekumgaqo siseko.

Uphando kwezinye zezi meko sele luqalisile, kwaye luza kwenziwa ngokudibeneyo namanye amaqela kunye namasebe afana neSAPS. UGade uphinde wacela uluntu kunye nabazali ukuba bamanyane ekulweni ulwaphulo-mthetho olulolu hlobo.

“Sihlaba ikhwelo kwiinqununu zezikolo zethu, ootitshala nemibutho yabo yabasebenzi kunye nee-SGBs ukuba benze konke okusemandleni ukukhusela abantwana nokubhentsisa ootitshala abaxhaphaza abafundi. Izenzo ezilolu hlobo kufuneka zixelwe kwi-ofisi ekufutshane yesebe kunye namapolisa.
Njengesebe siyakuhlala sibaxhasa bonke abafundi bethu abajongene nesi sihelegu,” utshilo uGade.

UMphathiswa ukwabongoze iCandelo leeNkundla ukuba liwabeke phambili onke amatyala anxulumene nokuxhatshazwa kwabafundi, egxininisa ukubaluleka kobulungisa obukhawulezileyo.

“Ukusonjululwa ngokukhawuleza kwala matyala yeyona ndlela ilungileyo yokuqinisekisa ukuba ubulungisa buyenziwa kumaxhoba nokuba kungaphakathi okanye ngamapolisa. Kukho imfuneko yokuba iSebe lezemfundo esisiseko, iSebe lokhuseleko, iSebe lezempilo kunye neSebe lezoBulungisa livale naziphi na izikroba ezinokuthi zibekho ngaphakathi kwintlalo yolawulo kubulungisa bomntu kwimiba eloluhlobo,” wongeze watsho uGade.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA