UMphathiswa wezoMbane uKgosientsho Ramokgopa ugxininise ukuba ilizwe lijike ikona ekupheliseni ukucinywa kombane.
Udize umba wokufumaneka kwamandla kaEskom afikelele kumashumi amathandathu anesihlanu (65.5 %) eepesenti okokuqala ukusukela ngo-2021.
URamokgopa ukuncoma oku njengenyathelo elibalulekileyo lokusombulula ingxaki yombane kweli lizwe.
Anita Qubula
