24.6 C
King William's Town
Tuesday, March 3, 2026

uMphathiswa wezothutho eMpuma Koloni wenza amalungiselelo epasika ezindleleni

UMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni, uXolile Nqatha uhlanganisa intlanganiso yephondo lonke namaGosa eeNdlela kunye namaGosa oKhuseleko eziNdleleni njengenxalenye yemizamo eqhubekayo yokuqinisa ukugcinwa kokhuseleko ezindleleni ngaphambi kwexesha elixakekileyo lokuhamba ngePasika. Lendibano izokubanjelwa kwiholo yesixeko kumasipala oMbaxa waseBuffalo City i-ICC, ngentsimbi yesibini malanga.

Ngelixa le ntlanganiso ivuma ukwehla kwama-31.05% kwinani labantu ababhubha ezindleleni ngexesha leMibhiyozo ka-2025/26, ayikuko nje ukubonakalisa impumelelo yangaphambili, kodwa kukuzibandakanya okucwangcisiweyo okujolise ekukhuthazeni, ekuhlanganiseni nasekulungiseleleni amagosa iimfuno eziphakamileyo zexesha elizayo lePasika.

Ukuncipha kwabantu ababhubhayo kuye kwabangelwa kakhulu kukuqiniswa komthetho, ngakumbi ukwanda okukhulu kokubanjwa kwabantu abaqhuba benxilile, ukusuka kumakhulu asibhozo asixhenxe aneshumi (710) ngonyaka mali ka -2024/25 ukuya kwiwaka elininamakhulu asithandathu namashumi asixhenxe anesithathu (1,673) ngo-2025/26, ukwanda kokubanjwa kwabantu abangamakhulu asithoba nashumi asithandathu anesithathu (963). Olu ngenelelo ludlale indima ebalulekileyo ekusindiseni ubomi kwiindlela zaseMpuma Koloni.ds

Ukongeza, uMphathiswa uthi iza kuqalisa ngokusesikweni i-Interim Driving School Task Team (VTC), ungenelelo oluphambili olujolise ekuqiniseni ulawulo lwezikolo zokuqhuba kunye nokuqinisekisa uphuhliso lwabaqhubi abanoxanduva nabathobela umthetho.

Eli nyathelo liyinxalenye yesicwangciso esibanzi sokuphucula ukhuseleko ezindleleni kulo lonke uthotho lwexabiso kunye nokugcina impumelelo esele ifunyenwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.6 ° C
24.6 °
24.6 °
47 %
5.6kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
34 °
Fri
23 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks