UMphathiswa weSebe lezokuHlaliswa koLuntu eMpuma Kapa kunye noSodolophu woMasipala uMbhashe uSamkelo Janda, namhlanje umhla wethoba kweyeDwarha banikezele ngokusesikweni amaxwebhu eetayitile kubaxahamli bezindlu kumasiphala waseMbhashe. Olu lunikezo lweetayitile luyinxalenye yeNkqubo yezoHlaliswa koLuntu apho kuqinisekiswa ukuba iinkonzo zalomasipala ziyafika eluntwini kulenyanga yeDwarha.
Abaxhamli bakwingingqi iExt 6 eDutya, ngokusemthethweni ngoku bazakuba ngabanini bezindlu ezixhaswa ngurhulumente ingakumbi kwiintsapho ebezifudula zihlelelekile. Bonke abahlali abaqinisekisiweyo ukuba bakufanele kwaye baselungelweni lokuxhamla banikwe iitayitile zabo kwezingamakhulu amahlanu namashumi alithoba anesihlanu (595) eetayitile.
UMphathiswa Lusithi uthe le nkqubo yinkqubo eyaqala ngo2006, iqalwa ngeenjongo zokubiyisela isidima eluntwini.
“Silisebe loZinzo nokuHlaliswa koLuntu kunye noMasipala weNgingqi uMbhashe sizonikezela ngeetayitile ezingamakhulu amahlanu namashumi alithoba anesihlanu (595) kubantu baseDutywa. Le projekthi ke yaqalwa ngo2006, ukuzakuthi gaa ngoku besiqinisekisa ukuba abntu abazakuxhamla ngabantu abaselungelweni nabafanelekileyo ukuba baxhamle. Oku ke sikwenza ngeenjongo zokubuyisela isidima eluntwini nokuba iintsapho zikwazi ukwakha ikhaya lazo kunye nabantwana nezizukulwana ezizayo,” utshilo.
ISebe lingene kwiNkqubo yokuQinisekisa Amaxwebhu eeTayitile ukujongana nomngeni wokukhupha ezitayitile nto leyo ezakuqinisekisa ukufikelela kwintlalo esemgangathweni nokuba ngabanini bezindlu ngokupheleleyo.
Kunyaka-mali ka2024/2025, isebe lizakubhalisa iitayitile ezingamawaka asibhozo namakhulu amahlanu kunye namashumi asixhenxe anesibini (8 572).


