UMphathiswa zeSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uzigxeke kakhulu izenzo zobukrelemnqa ezijoliswe kubasebenzi bezempilo eGqeberha.
Oku kuza emveni kokuhlaselwa kweZiko leMpilo eMotherwell ngokuhlwa bangoLwesibini malunga no-00:00 ixesha. Kukwatyholwa ngelithi onogada babanjwe ngoonqevu ebebexhobile ze babaphanga izinto zabo ngemipu.
Ngenxa yoku, kubekho umbhodamo kweliziko, apho onogada bengavumelekanga ukuba baphathe imipu.
Emva kwesisiganeko, eliziko liye lavalwa okwethutyana kwaye abasebenzi bathunyelwa kumaziko empilo akufuphi ukuyoqhuba nenkqubo yokunikezela ngeenkonzo eluntwini.
Ngosuku lwayizolo, eli ziko liye lavulwa kodwa umphathiswa uvakalise inkxalabo yakhe ngezi zenzo zobukrelemnqa zinobundlobongela ngakubasebenzi bakhe.
“Esi sisiganeko sesithathu kwiziko lezempilo elinye kwiiveki ezine. Le yindlela yokuziphatha engafanelekanga kakhulu, kwaye ayamkelekanga, siyakugxeka oku ngeyona ndlela.”
“Sicela uluntu ukuba lusincede silwe nezi zigebenga kwaye sikwasebenzisane namapolisa ukuqinisekisa ukuba abasebenzi kunye namaziko ethu ezempilo akhuselekile noluntu ngokubanzi,” utshilo uMphathiswa uCapa.
