Home Iindaba UMQHUBI OJONGENE NEZITYHOLO EZINTANDATHU ZOKUBULALA NGOKUNGENA NJONGO UKHUTSHWE NGEBHEYILE.

    UMQHUBI OJONGENE NEZITYHOLO EZINTANDATHU ZOKUBULALA NGOKUNGENA NJONGO UKHUTSHWE NGEBHEYILE.

    Inkundla yaseMbizana imkhulule ngebheyile yeR1000 uSanele Zinkwantshu (24) emva kokuba ebekwe amatyala amathandathu okubulala ngokungena njongo.

    Inkundla yaseMbizana imkhulule ngebheyile yeR1000 uSanele Zinkwantshu (24) emva kokuba ebekwe amatyala amathandathu okubulala ngokungena njongo.

    Oku kulandela ingozi eyenzeka kuhola wendlela uR61 phakathi koMbizana noMzamba ngomhla we21 June 2024, nalapho kwabhubha abantu abathandathu ababehamba ngeenyawo emva kokugilwa sisithuthi ekutyholwa ukuba sasiqhutywa ngabatyholwa.

    Abantu ababhubhileyo, uSiyavuya Sabelo (31), Sandiso Nkasa (30), Kamvelihle Dindi (24), Mvisiswano Ngaleka (24), Sibonelo Potye (29) kunye noMthokozisi Jabulana (29) kutyholwa ukuba bebehamba endleleni ngethuba isithuthi sohlobo lwesedan sisuka eMbizana sijongise ngakuMzamba saatshona kubo. Umqhubi wabanjwa ngomhla we23 kuJuni ka-2024, kwaye wavela okokuqala enkundleni ngomhla we24 kuJuni ka-2024.

    Inkundla ilihlehlisele umhla we-15 kaJulayi 2024 ityala ukuze kuqhutyekwe nophando.

    By Siyakholwa Vuso

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks