By Ayabonga Ntengu
Amapolisa oMzantsi Afrika abambe umrhanelwa otyholwa ngokuphanga kwindawo yaseNgqeleni ngobusuku bangoLwesihlanu kwiveki ephelileyo. Omnye umrhanelwa okwazileyo ukuqhwesha ngethuba sidubulana namapolisa, usazingelwa ngamapolisa.
Ngokwengxelo ephuma kumaPolisa oMzantsi Afrika ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinanye kweyeDwarha, malunga nentsimbi ye-23:20, amalungu ePublic Order Policing (POP) athathe amanyathelo malunga nabarhanelwa ababini bokukhuthuza nokuphanga abatyholwa ngokudala uqhushululu kwingingqi yaseCanzibe, eNgqeleni.
Abarhanelwa baye bakhangelwa kwaye babekwe ngaphandle kwenye yeethaveni zasekuhlaleni. Kukwatyholwa ngelithi xa abarhanelwa bebona amapolisa, baqalisa ukubadubula. Amapolisa aphindezela ngokubuyisela umlilo. Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala wenzakala ngokubhubha, ngelixa owesibini ekwazile ukubaleka. Kwafunyanwa umpu we-9mm oneembumbulu.
Akukho malungu esiPolisa onzakeleyo ngethuba lokudubulana. Kuvulwe idokhethi yophando kwakunye nelokuzama ukubulala ukuze kuphandwe.
Oku kulandela emva kokudutyulwa kwabulawa omnye umrhanelwa wobugebenga (31) ngethuba kudubulana amapolisa nabarhanelwa kwiveki ephelileyo ngoLwesine, eNgqamakwe.
Ngokwengxelo yamapolisa, ngethuba kuqhutywa inkqubo yobuntlola bencediswa ngamalungu eNational Intervention Unit, baye basebenza balandela ulwazi olumalunga nabarhanelwa ekutyholwa ukuba babandakanyeka kuphango nokuphanga.
“Bafumene ulwazi lokuba aba barhanelwa bebeqhuba iQuantum beceba ukuqokelela imali kwiindawo zoshishino eNgqamakhwe. Amapolisa abone isithuthi esichongiweyo kumbindi wedolophu yaseNgqamakhwe aze azama ukuyimisa. Xa abarhanelwa bebona iimoto yamapolisa, baqalisa ukudubula, kwaza kwadutyulwana. Omnye umrhanelwa udutyulwe ngokubhubha, kwaye abanye babaleka kwindawo yexhwayelo ngeQuantum kwaye basagcwele amathafa,” ifundeka ngolu hlobo ingxelo.
Ekuphandeni, amapolisa afumene umpu owathinjwa kwipolisa. UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene, ukhuphe isilumkiso esicacileyo sokuba, “ubuqhetseba kunye nezenzo zolwaphulo-mthetho ezijolise kumashishini asebenza nzima azisayi kunyanyezelwa. Abo babandakanyeka kulwaphulo-mthetho olunjalo kufuneka bazi ukuba siya kuthabatha amanyathelo angqongqo okubagwebela. Ndilucela uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa ngokusebenzisa umnxeba wokuxhwila othi 082 387 1561 ukuxela izehlo ezi loluhlobo. Injongo yethu kukuphelisa lo mngcipheko njengoko sizibophelele kukhuseleko nokhuseleko lwamashishini nabahlali bonke,” uvale ngelo uLt Gen Mene.
