Home Iindaba Umsebenzi wokucoca uyaqhubeka eMthatha emva kokuvalwa kwentshumo.

    Umsebenzi wokucoca uyaqhubeka eMthatha emva kokuvalwa kwentshumo.

    Amaphulo okucoca imeko yayizolo ayaqhubeka eMthatha eMpuma Koloni, emva kokuvalwa ngokupheleleyo kwale dolophu izolo ngenxa yoqhankqalazo olutyholwa ngombutho woonoteksi iBorder Alliance.

    Amaphulo okucoca imeko yayizolo ayaqhubeka eMthatha eMpuma Koloni, emva kokuvalwa ngokupheleleyo kwale dolophu izolo ngenxa yoqhankqalazo olutyholwa ngombutho woonoteksi iBorder Alliance.

    Olu qhankqalazo lwenzeka emva kokuba umbutho woonoteksi ubufuna ukuba imipu ehluthwe ngamapolisa emva kodushe loonoteksi kwiveki ephelileyo. Omnye wabasebenzi beliphulo uLungisa Ndamase, uthi baqale ukusebenza kweyona ndlela ixakekileyo.

    “Siqale ukusebenza ngesithandathu ukuzama ukunceda abantu abaza kusebenza, indlela yonakele. Siqale ku-R61 ukusuka eCircus, ngoku sikwiBhulorho yaseCorana, ngaseRiverside. Sizoqhubeka sikorobha de siyokufika kuGxulu. Iindawo abatshise kuzo amatayara, ezivalwe ngeebhloko, amakhreyithi atshileyo naleyo ibinedizili zezona zichaphazeleka kakhulu,” wongeze ngelitshoyo uNdamase.

    By Siyakholwa Vuso

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks