Home Iindaba UMsebenzi wokulwa ukubiwa kwemfuyo kwizithili ubeyimpumelelo.

UMsebenzi wokulwa ukubiwa kwemfuyo kwizithili ubeyimpumelelo.

IPhulo eliququzelelweyo lokulwa ukubiwa kwemfuyo eliqhutywe kwizithili ezintathu ezingabamelwane - iAlfred Nzo, Joe Gqabi kunye neOR Tambo.

Umfanekiso: IMfuyo ekutyholwa ukuba ibiwe kwiziThili iAlred Nzo, Joe Gqabi kunye neOR Tambo.

By Asipile Kitchen.

IPhulo eliququzelelweyo lokulwa ukubiwa kwemfuyo eliqhutywe kwizithili ezintathu ezingabamelwane – iAlfred Nzo, Joe Gqabi kunye neOR Tambo ukusuka ngomhla weshumi elinesithathu (13) ukuya koweshumi elinesixhenxe (17) kuCanzibe 2025 likhokelele ekufumaneni imfuyo ekurhaneleka ukuba ibibiwe. Abasemagunyeni balindele abanini abafanelekileyo ukuba beze ngaphambili namabango kwaye bachongwe.

Eli phulo belijolise kwiindawo ezisemngciphekweni omkhulu, eziquka iQumbu, iSulenkama, iTsolo kwaBhaca, iMaclear, iTloekeng (eMatatiele), neNgqayi (Katkop), nentatho-nxaxheba ebonakalayo yoluntu oluchaphazelekayo.

Imfuyo efunyenweyo elindele ukuchongwa ibandakanya iinkomo ezingamakhulu amabini namashumi amathathu ananye (231) enkomo ezixutyiweyo ezinexabiso eliqikelelwa ku-R2,772,000, amashumi asibhozo (81) eegusha ezixutyiweyo ezinexabiso eliqikelelwa ku-R162,000 , amashumi asixhenxe (78) ebhokhwe ezinexabiso eliqikelelwa ku-R156,000.

Ezi nkomo zigcinwe kumasipala waseQumbu, lo gama iigusha neebhokhwe zigcinwe kumasipala waseTsolo.

Iimpumelelo ezongezelelweyo ngexesha lomsebenzi, umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala waseMahlungulu, kuQumbu, ubanjwe ngakwisiphambuka sikaN2 iSulenkama ngethuba eqhuba iToyota Avanza ekurhaneleka ukuba ibiwe.

Isithuthi besineNombolo yetyala laseSoweto ukusuka kuTshazimpuzi ka-2025. Izohlwayo zendlela ezifikelela kwi-R9,500 ziye zakhutshelwa amatyala aquka ukuqhuba ngaphandle kwephepha-mvume kunye nokusebenzisa izithuthi ezingafanelanga ukuba sendleleni.

Abanini bemfuyo ebiweyo bayabongozwa ukuba bandwendwele iPonti yemfuyo yakuQumbu (yeenkomo) okanye iSitolo sePonti yakuTsolo (yeegusha neebhokhwe) bephethe amaxwebhu asemthethweni obunini bemfuyo ukuze bangqinwe kwiCandelo lokubiwa kwemfuyo kunye neentlobo zezilwanyana eziseMngciphekweni wokuTshabalala.

UMkomishinala wephondo obambeleyo, uMajor General Thandiswa Kupiso uncome iinzame ezidibeneyo zezi zithili zintathu, egxininisa ukuzinikela kwamalungu e-SAPS ekulweni ubusela bemfuyo. AbaKomishinala beZithili abohlukeneyo bakuqinisekisile ukuzinikela kwabo ekupheliseni olu lwaphulo-mthetho kwiindawo zabo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks