By Asemhale Mbete.
IBala iBuffalo City belizaliswe luvuyo nogcobo ngethuba umsitho we-AfroSoul Meets Gospel udibanise abantu bazokonwabela umculo, ukudumisa noMbulelo phantsi kwemozulu ebintle kakhulu eMpuma Koloni.
Abantu beze ngobuninzi, banxibe iimpahla ezimhlope, becula bechwayitile. Umxube womculo weAfroSoul noweGospel wenze indawo yanomoya wothando, uvuyo nokuzola.
Umbhexeshi womsitho, uKuhle Monoametsi, uthe uvuyiswe kukuba izinto zihambe kakuhle.
“Lo msitho ubonisa indlela umculo weAfrosoul neGospile udibanisa ngayo abantu. Kumnandi ukubona ukuba abantu bayayixhasa imisitho efana nalena kwaye siyayivuyela lonto imnandi kakhulu,” utshilo.
Abaculi abaninzi abadumileyo bebekhona kulo msitho, kuquka uVusi Nova, Nathi Mankayi, Ikhona, Zuko SA, Ziyanda Tshangana, kunye noBetusile Mcinga.
Zuko SA, ongumculi nothe wathatha inxaxheba eqongeni, uthe:
“Ndifikile ndiyokwenza uvavanyo lomculi, abantu sele bekhona, kwangelo xesha baye babonisa uthando olungumangaliso. Ndithathe imifanekiso nabalandeli phambi kokuba ndinyuke eqongeni kwaye bebelindele ngolangazelelo ukuwuva umculo wam. Lo nto indonwabise kakhulu ukwamkeleka kulo msitho. Enkosi kakhulu kuMnu. Groovie Christ ngokundimema kulo msitho. Abantu bebebetha izandla, bememelela kwaye bexhasa kakhulu, bekumnandi nyhani. Ndiyacinga ukuba uMnu. Groovie Christ angaphinda alungise omnye umsitho, kwaye abantu bangeza ngobunitsi.”
