By Nyameka Lamani.
UMtyholwa ongungqondongqondo ekubulaweni kwabantu eLusikisiki, uMzukisi Ndamase, utyhola ingqina loMbuso eliphambili kwityala lokubulala, uLwando Abi, ngokubulala umntu otyholwa ngokuthengisa iziyobisi KwaBhaca.
UNdamase uzimele ngokusemthethweni enkundleni ze wabuza ingqina ngoLwesithathu kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha ehlelelwe eLusikisiki.
Utyhola ingqina lombuso kwisiganeko sokudubulana ngenyanga yeThupha 2024, apho uMncedisi Gijana owayetyholwa ngokuba wayethengisa iziyobisi wabulawa khona.
Kubekho amajikajiko kwityala lokubulawa kwabantu abaninzi eLusikisiki, ngakumbi elokubulawa kukaGijana.
UGijana kuthiwa wayethengisa iziyobisi kule ndawo kodwa wabulawa kwiiveki ezimbalwa ngaphambi kokubulawa kwabantu abaninzi eLusikisiki
Kodwa ngethuba ephekwa ngemibuzo ngoLwesithathu, uNdamase uxelele inkundla uza kuxoxa ukuba ingqina likarhulumente uLwando Abi, waceba waze wabulala ngenxa yendawo yokuthengisa iziyobisi.
Kusenjalo uAbi ungqinile ukuba uNdamase nguye owayalela ukuba kubulawe uGijana ukuze kuvuleke ithuba lokuba ayokuthengisa iziyobisi kwindawo yaKwaBhaca.
Kodwa uNdamase uthi ingqina lathunyelwe liqela lama-28 lemigewu laseNtshona Koloni ukuba liyokuthengisa iziyobisi kwiindawo ezithile zeMpuma Koloni ukuze kwandiswe indawo yabo.
Lo mba ubuyela enkundleni namhlanje.

