Home Iindaba UMzantsi Africa ifumene inaliti entsha yokuthintela i-HIV

    UMzantsi Africa ifumene inaliti entsha yokuthintela i-HIV

    ISebe lezeMpilo laseMzantsi Afrika liqinisekisile ukufika kweyeza elitsha lokuthintela intsholongwana kaGawulayo (HIV), iLenacapavir, eMzantsi Afrika.

    Phantse iidosi ezingama-38,000 zenaliti esebenza ixesha elide, ezithathwa kanye kwiinyanga ezintandathu, zinikezelwe njengenxalenye yemizamo yokuqinisa inkqubo yokuthintela lentsholongwana kwilizwe.

    Isebe lithi amayeza anika ukhetho olutsha kubantu abanengxaki ngeendlela zokuthintela ezikhoyo kwaye kulindeleke ukuba aphucule ukwamkelwa phakathi kwamaqela asengozini enkulu.

    UMphathiswa wezeMpilo u-Aaron Motsoaledi uchaze olu phuhliso njengenyathelo elibalulekileyo ekulweni ne-HIV kunye noGawulayo (AIDS).

    Urhulumente uthi iinkcukacha malunga nokuqaliswa okusemthethweni kunye nesicwangciso sokuphunyezwa ziya kubhengezwa kungekudala.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks