Home Iindaba ‘UMzantsi Afrika uziphathe kakubi kakhulu’: UTrump utyhola uMzantsi Afrika ngokutshabalalisa abantu

    ‘UMzantsi Afrika uziphathe kakubi kakhulu’: UTrump utyhola uMzantsi Afrika ngokutshabalalisa abantu

    By Sophumelela Singqota

    Umongameli wase-United States uDonald Trump uphinde wagxeka uMzantsi Afrika, esithi ilizwe “liziphathe kakubi kakhulu” kwaye elityhola ngokulandela “imigaqo-nkqubo yokutshabalalisa abantu.”

    Ethetha ecaleni kweNkosana yaseSaudi Arabia kunye neNkulumbuso uMohammed bin Salman otyelele eMelika, uTrump uthe akazukuzimasa ingqungquthela ye-G20 ecwangciselwe ukubanjelwa eRhawutini kule mpelaveki, etyhola uMzantsi Afrika “ngokuziphatha okungamkelekanga.”

    “Andiyi eMzantsi Afrika kwi-G20 kuba ndicinga ukuba imigaqo-nkqubo yabo yokutshatyalaliswa kwabantu ayamkelekanga. Ngoko ke andiyi. UMzantsi Afrika uziphethe kakubi kakhulu, “uTrump uxelele iintatheli.

    La mazwi avele ngexesha lonxibelelwano olushushu namajelo eendaba, ekwabonisa imibuzo malunga nokuthuthwa kwabantu basePalestine besuka eGaza besiwa kwamanye amazwe – inyathelo eligxeke kabukhali uMzantsi Afrika, ulibiza ngokuba lilinge “lokucoca iGaza kubantu bayo.” UTrump ubonakale enxulumanisa iPitoli kungquzulwano lwase Gaza nezityholo zakhe ekudala zikho zokuba uMzantsi Afrika ujolise kumafama wabantu abamhlophe ngemigaqo-nkqubo yokuhluthwa komhlaba.

    Le ngxelo yamva nje iphawula ukunyuka kwebango likaTrump kwiveki ephelileyo elithi “amabhulu ayabulawa axhelwe, kwaye umhlaba neefama zawo zithathwa ngokungekho mthethweni,” nto leyo ekhokelele kwisibhengezo sakhe sokuba akukho magosa karhulumente waseMelika azakuzimasa ingqungquthela yeG20 eMzantsi Afrika.

    ISebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano laseMzantsi Afrika (i-Dirco) ngaphambili yazikhaba izityholo zikaTrump “njengezilusizi kwaye azinasiseko,” lisithi balandela umgaqo-siseko welizwe kumalungelo oluntu nokungacaluli ngokobuhlanga.

    INgqungquthela ye-G20, eza kusingathwa eRhawutini phantsi komxholo othi “Ukwakha ngokutsha ukuthembana kweHlabathi neNtsebenziswano,” kulindeleke ukuba itsale iinkokeli eziphuma kwawona mazwe anoqoqosho olukhulu kwihlabathi kuquka nePeople’s Republic of China, eza kumelwa yiNkulumbuso uLi Qiang.

    Njengoko impikiswano ikhula, amagosa oMzantsi Afrika athi amalungiselelo engqungquthela ye-G20 aqhuba njengoko bekucwangcisiwe.

    Ekuqaleni kwale kuphume ingxelo yokuba uMphathiswa wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe kunye neNtsebenziswano uRonald Lamola unyanzelise ukuba iMelika kuza kufuneka ithumele amagosa eMzantsi Afrika ukuba iWashington ifuna ukunikwa ngokusesikweni iintambo zolawulo lweG20 njengomongameli ozayo walo mbutho.

    I-US imiselwe ukuba ithathe i-G20 eMzantsi Afrika kwaye ibambe ingqungquthela ngo-2026. Nangona kunjalo, isigqibo seWashington kukuhlale kude neNgqungquthela yeeNkokheli ezabe iseRhawutini kwaye lonto iphakamisa imibuzo malunga nokunikezelwa komsitho.

    ULamola wenze oku kuhlaziywayo ngethuba ebethetha noonondaba kwiziko leMiboniso laseRhawutini eNasrec ngoMvulo, apho ebekunye neNkulumbuso yaseGauteng uPanyaza Lesufi kunye noMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana. Le ngqungquthela, ehlelelwe uMgqibelo nangeCawa, iya kuphawula isiphelo sobumongameli be-G20 eMzantsi Afrika.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks