UNdlondlo ufumene uphumaphele kwi-Orlando Pirates unomphelo.

By Siphiwo Boqwana.

IOrlando Pirates ingqinile ukuba uMonapule Saleng ibolekise ngaye kwiqela elitsha elisandokonyuselwa iOrbit College, ekwaliqela aweyesakulidlalela uSaleng. Ezimnyama ngenkani zikhulule noPhiliph Ndlondlo ngokupheleleyo.

USaleng oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ubudala (27) kulindeleke ukuba adlale unyaka kweliqela.

Ngokuqinisekileyo abalandeni bezimnyama ngenkani bazakumjonga uMonapule indlela azakuqhuba ngayo kweliqela. I-Orbit College FC nayo kwelayo icala iyakuvuya xa uSaleng enokwenza kakuhle kuba uyakulinceda eli qela nangamava anawo.

IPirates sele ityikitye abadlali abalishumi (10) kunjalo nje sele ibhengeze ukuhamba kwabadlali abafana noPaseka Mako, uThabiso Monyane, uMiguel Tim noInnocent Maela.

UMonapule uqale kwiOrbit College phambi kokuba aye kwiFree State Stars emva koko watyikitywa ngezimnyama ngenkani nalapho abe yinto ngobunto bayo ezibonakalisa ukuba uphethe ntoni kwisakhono sebhola ekhatywayo.

Kuphelile ukuxoxa ngoku _ngentsind’ abadala_ yomrholo ongaginyisi mathe kaSaleng kwibhakabhaka. USaleng wagqibela ukudlala kwiPirates ngenyanga yoMnga ka2024 kunyaka ophelileyo ngethuba bedlala neAhl Ahly yaseJiphethe kudlalelwa kumabala aseOrlando eSoweto, kwiCAF Champions League.

Kwelinye icala iPirates ithe ndlelantle kuPhilip Ndlondlo odlala esiswini nongumdlali obedlala kakuhle kweliqela, nto nje kwafika uTalente Mbatha ofike wamgqumelela kwatsho kwaphela ngaye.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA