Lo mdlwenguli uXolani Qangane oneminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo (58) ubudala ugwetywe ishumi elinanye leminyaka yinkundla yamatyala yaseZwelitsha emva kokuwelwa lityala lokudlwengula intwazana eyayineshumi nesine (14) ubudala ngonyaka ka1997.
Sithetha nje ixhoba sele lineminyaka engamashumi amane ananye(41) ubudala kwaye sele lisebenza njengonontlalontle
Ngokutsho kwengxelo yenkundla umdlwenguli wayesebenza njengomfoti kudederhu lwevenkile eQonce ngethuba lesiganeko.
Kuvakala ukuba ixhoba nabazala balo babetyelele kwelishishini lalendoda beyofuna ukuthathwa imifanekiso, ngenene kwenzeka njalo.
Le ndoda yalukuhlela ixhoba kwigumbi elilodwa lithenjiswa ngokuthathwa kwemifanekiso eyohlukileyo.
Esi sibini sathatha iifoto sime sobabini. Kuvakala ukuba le ntwazana yabuyela kuye emva kweentsuku lizombuza kutheni esithi bayathandana.
Walithembisa ngokuthatha omnye umfanekiso endlini yakhe kanti uzogqibela elidlwengula kwilokishi Dimbaza nekulapho kufumaniseke ukuba waligrogrisa ngokulibulala.
Ngethuba lifunda eDyunivesithi laxelela umfana elalincuma naye.
Oko yaba sisiqalo sokuvela kwesisityholo.
Ngo2020, ixhoba labona umdlwenguli eMonti eqhuba iteksi lathatha inombolo ezazibhalwe kuso, wafounela le ndoda efuna ixolise kodwa uQanqane wamfanisa nomnye ngelithi isono ewasenzayo sele wathi wohlwaywa ngaso
Kungelothuba ixhoba laqaphela ukuba ayililo kuphela ixhoba lodlwengulo.
ULuxolo Tyali weNPA uthi ngo2021 ixhoba lavula ityala lodlwengulo laxoxwa ityala emva kweminyaka engamashumi amabini anesine (24). Le ndoda ithe yagwetywa ngokuyimpumelelo ngobungqina bexhoba nobengxelo yendoda awayencuma nayo.
