Home Iindaba UOmotoso uzakuchitha iKrisimesi yesithandathu emva kwezitshixo

UOmotoso uzakuchitha iKrisimesi yesithandathu emva kwezitshixo

Otyholwa ngokudlwengula nokurhweba ngabantu uMfundisi Timothy Omotoso uzakuchitha enye iKrisimesi entolongweni

Oku kuza emva kokuba isicelo sakhe sokuba amangenelo awodwa afakwe kushicilelo lenkundla sahlehliswa ngoLwesithathu.

UOmotoso kwakunye nabanye atyholwa nabo uZukiswa Sitho kunye noLusanda Sulani babekwe amatyala angaphaya kwamashumi amathathu aquka ukudlwengula kunye nokuxhaphaza ngokwesondo.

Igqwetha labo uPeter Daubermann ufuna ukuzisa isicelo samangenelo awodwa afakwe kushicilelo lenkundla, ngokweCandelo lama-317(1) loMthetho weNkqubo yoLwaphulo-mthetho.

NgokukaDaubermann, amangeno aphathelene nezitenxo nezityholo ezenziwa ngurhulumente.

Ifuna ukuquka izityholo zokuba amanye amangqina karhulumente anyanzelwa ukuba enze isifungo sobuxoki ngexesha lokuchotshelwa kwetyala.

UDaubermann uthi umbuso awuphumelelanga ukuphanda ukuba lowo ebesakuba ngumtshutshisi wombuso, uAdvocate Nceba Ntelwa, wabiza amangqina ukuba axoke, phakathi kwezinye izinto, ngokuthi abize abatshutshisi abasixhenxe ukuba baye kunika ubungqina phantsi kwesifungo, baphoswe ngemibuzo.

Ukwathe urhulumente woyiswa kukwenza uphando ngokuziphatha kukaNtelwa ngokuseka iqela likaWhatsapp nalapho ebenxibelelana nabamangali.

Ngenyanga yeDwarha isicelo seCandelo 174 sokuba amatyala arhoxiswe ngakumtyholwa asizange siphumelele.

Isicelo siza kuziswa phambi kwenkundla nge-16 kaJanuwari 2024.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks