By Sophumelela Singqota.
Kwi dothyumentari entsha kuNetflix, uBeauty and the Bester, umdlali weqonga nongusaziwayo kumajelo eendaba uPearl Thusi ubalisa ngokudibana kwakhe nowagwetywayo onguThabo Bester, okwenzeka ngo-2011.
UPearl ubonakalisa ukudibana kwakhe okokuqala noBester, evuma, “andazi ukuba yintoni eyamtsalela kum.”
Ukudibana kwabo kwaqala ngokuba uBester anxulumane naye ngoFacebook. Lo myalezo wawusuka kuBester wawuthembisa umvuzo onengeniso yaye wawubonakala usemthethweni ekuqaleni.
UPearl wavuma ukudibana naye eRhawutini, kodwa intlanganiso yakhawuleza yoyikisa. Ukhumbula engena emotweni noBester kwaye waqonda emva kwemizuzu engamashumi amabini anesihalnu (25) ukuba babeqhuba besiya ekupheleni kwendlela kufutshane neSandton City. “Ndathi xa ndijika ndimjonga, sele ekhuphe imela,’ echaza ixesha awabona ngalo ukuba usengozini.
Nangona wayegrogriswa, uThusi wakhumbula ukholo lwakhe olukhokela izenzo zakhe. “Kum, njengebhinqa eliselula elinoKrestu… ngenene ndandiza kunceda umntu,” watsho. Esebenzisa imbono yakhe yonqulo, wakhuthaza uBester ukuba anikezele kuThixo waza ekugqibeleni wamsa kumfundisi wakhe.
Ngexesha elinzima kodwa elibalulekileyo, uBester wavuma, esithi, “Ndiyaxolisa. Bendingazimiselanga kuyenza loo nto. Andazi ukuba kungene ntoni kum.” UThusi nomfundisi bathandaza kunye ngaphambi kokuba baphume kuloo ndawo.
Ukubandakanyeka kwakhe kwagqitywa xa wabona iveni yamapolisa kwaye wacebisa ukuba bamthathe uBester, ephawula ukugqibela kwakhe ukumbona.
“Andizange ndizive ndisisidenge,” uThusi uyavuma, ecinga ngobuthathaka kunye nokungabi nangqondo awayekuva emveni kwayo yonke into eyenzekileyo.
Le dotyhumentari iphonononga amaqhinga okukhohlisa kaBester’ kunye nobudlelwane obuntsonkothileyo awabuhlakulelayo, ebonisa udliwano-ndlebe nabantu abaye badibana naye.

