Home Iindaba Uphando lwamapolisa: I-CFO ye-SAPS iyabukhaba ubungqina bukaMchunu malunga nengxelo yokuchithwa kwe-PKTT

    Uphando lwamapolisa: I-CFO ye-SAPS iyabukhaba ubungqina bukaMchunu malunga nengxelo yokuchithwa kwe-PKTT

    By Sophumelela Singqota

    ULieutenant General Puleng Dimpane, iGosa eliPhezulu lezeMali leSAPS, uzikhabile izityholo zokuba umphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu wayethethana naye kwimiba yezemali enxulumene neqela lePolitical Killings Task Team (PKTT) ngexesha lekomiti ye-Ad Hoc eyayiphanda urhwaphilizo kunye nokungenwa kwamapolisa ngamaqela olwaphulo-mthetho.

    Ikamva kunye nenkxaso-mali ye-PKTT – iyunithi ekhethekileyo eyenzelwe ukuphanda ukubulawa kwezopolitiko – ibiyeyona nto iphambili ekugxilwe kuyo.

    UMchunu wanika ubungqina phambi kwekomiti kweyeDrwarha, ecaphula ingcaciso kaDimpane njengenye yezizathu zesigqibo sakhe sokuchitha iPKTT.

    UDimpane uchaze ukuba nangona enze iinkcazo-ntetho ezintlanu ezineenkcukacha zohlahlo lwabiwo-mali kumphathiswa uMchunu emva kokuqeshwa kwakhe, akukho nanye equke iingxoxo ze-PKTT.

    “Ukususela kwinyanga yeKhala 2024 ukuya kweyeSilimela 2025, ndinike amagqabantshintshi malunga nesakhelo sohlahlo lwabiwo-mali lwe-SAPS, iingxelo zemali, inkxaso-mali yezobuntlola, kunye nokusasazwa kwezibonelelo phakathi kwamaphondo kunye ne-ofisi enkulu. Kodwa ndinokuqinisekisa ukuba i-PKTT ayizange ikhankanywe kuyo nayiphi na yezi ntlanganiso, “watsho.

    Ukwawakhabile namabango okuba uMchunu uxhomekeke kwinqaku lengxelo yezemali awayelibhale malunga ne-PKTT njengobuvuvu kwaye ayikho mxholweni.

    “Andizange ndinike umphathiswa uMchunu naluphi na uxwebhu olunxulumene ne-PKTT okanye ndigunyazise nabani na ukuba abelane naye ngala manqaku. Elo nqaku belisebenza kwaye lihlala lingaphakathi,” ugxininise

    “Le meko idala ukungaqiniseki kohlahlo lwabiwo-mali – sifumana izicelo rhoqo emva kweenyanga ezimbalwa kwiimali ezithatha iminyaka emihlanu. Ndiye ndakhuthaza ukuba i-PKTT yenziwe iqumrhu elisisigxina ukuze izibonelelo zabiwe ngokufanelekileyo kunye neendlela ezicacileyo zokuphendula,” uxelele ikomiti.

    Ebuzwa ngonxibelelwano lwakhe nomphathiswa uMchunu, uDimpane uthe akukho ngxoxo zithe ngqo naye malunga nezimali zePKTT. Ngaphezu koko, waqala wafunda ngokuchithwa kweyunithi ngeengxelo zemithombo yeendaba ngelixa wayekwikhefu.

    “Umphathiswa akazange aveze iinkxalabo zemali okanye axoxe nam nge-PKTT ngokuthe ngqo,” utshilo.

    Iingcaciso zikaDimpane zinegalelo kumxholo obalulekileyo njengoko ikomiti iphonononga unxibelelwano lwangaphakathi kunye neenkqubo zohlahlo lwabiwo-mali ezinxulumene namaqela asebenzayo eSAPS abandakanyeka kwizityholo eziyimpikiswano.

    Obu bungqina buyinxalenye ebalulekileyo yeenzame eziqhubekayo zekomiti ye-Ad Hoc yokuncothula urhwaphilizo nokubuyisela intembeko yoluntu kwinkonzo yamapolisa yaseMzantsi Afrika.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks