By Sophumelela Singqota.
IPhondo leMpuma Koloni liyazingca njengoko uQhawekazi Mazaleni, oneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala, noyinzalelwane yaseGonubie eMonti obhengezwe njengomnye abalishumi abaphume izandla kuMiss South Africa 2025.
UMazaleni, ngoku uhlala eSundowner, eRandburg, uza kukhwela eqongeni ngomhla wama-25 kweyeDwarha 2025 eSun Bet Arena, eTimes Square, ePitoli, apho omnye wabaphumeleleyo uya kuthweswa isithsaba sokuba nguMiss South Africa olandelayo.
Exhobe ngobukrelekrele nobuhle, uMazaleni unesidanga seSpeech, Language and Hearing Therapy esiphuma kwiYunivesithi yaseStellenbosch kwaye kungokunje wenza izifundo zakhe zeMasters of Arts in Speech-Language Pathology kwiYunivesithi yasePitoli, egxile kuphando ngeAutism.
Ukwenza umahluko kwindawo ahlala kuyo kusembindini wohambo lwakhe.
Unethemba lokuba ukuthatha kwakhe inxaxheba ku-Miss South Africa kuya kukhuthaza abantu abatsha ukuba bamkele ubuntu babo kunye namandla abo okuchaphazela uluntu.
Sele kuqalisile ngokusesikweni ukubalela isithsaba, kwaye amehlo onke azakube ethe ntsho ePitoli kweyeDwarha ukubona ukuba le nzalelwane yaseMpuma Koloni iyeza nentshinga kaMiss South Africa kusini na.

