By Nyameka Lamani
Umongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ngokusesikweni ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini (GBVF) njengengxaki yesizwe apha eMzantsi Afrika.
Esi sigqibo senziwe ngesivumelwano kunye namaqabane ahlukeneyo asekuhlaleni, sigxininisa imfuneko yamanyathelo akhawulezileyo kunye nokulungelelaniswa kokujongana nalo mba. Umongameli ugxininise ukuba abasetyhini kweli lizwe bacela ingqwalasela ethe kratya kukhuseleko kunye nentlalo-ntle yabo, bebongoza urhulumente kunye namadoda eMzantsi Afrika ukuba banike inkxaso kunye nokhuseleko.
Esi sibhengezo senziwe phambi kwe-G20 Women’s Shutdown, eququzelelwe liqela elingenzi ngeniso iWomen for Change, nelicele uRamaphosa ukuba ayiphakamisele kwinqanaba lengxaki yesizwe ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini(i-GBVF).Xa yenziwe njalo kuza kwenza ukuba urhulumente abele izibonelelo zoncedo ezingxamisekileyo ngokukodwa kumaphulo anxulumene nokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini.
Njengenxalenye yoqhanqalazo, abasetyhini kunye namalungu oluntu lwe-LGBTQI+ kuMzantsi Afrika uphela baceba ukungenzi nawuphi na umsebenzi kwaye bangendi naziphi indleko. Esi sijolise ekuqaqambiseni kokubaluleka kobukho babo kwezoqoqosho nezentlalo. Ngethuba ethetha kwingqungquthela yezentlalo yeG20 eBoksburg, uRamaphosa ugxininise ukuba uluntu alunakuphumelela ngelixa i-GBVF isazingisa kwaye amalungelo abasetyhini ejongelwa phantsi. Ubalule ukuba ubundlobongela obusenziwa ngamadoda kwabasetyhini bonakalisa imeko yentlalo yesizwe, buthintela uphuhliso, kwaye budodobalisa ukukhula koluntu.
