Home Iindaba Urhulumente uqhubela phambili ekudaleni iSibonelelo seNgeniso esiSiseko.

    Urhulumente uqhubela phambili ekudaleni iSibonelelo seNgeniso esiSiseko.

    UMphathiswa woPhuhliso loLuntu, uSisisi Tolashe, uthi urhulumente uqhubela phambili ekudaleni iSibonelelo seNgeniso esiSiseko. Ebesenza iVoti yoHlahlo-lwabiwo-mali yesebe lakhe kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe.

    Umfanekiso: UMphathiswa woPhuhliso loLuntu waseMzantsi Afrika, uSisisi Tolashe.

    By Asemahle Mbete.

    UMphathiswa woPhuhliso loLuntu, uSisisi Tolashe, uthi urhulumente uqhubela phambili ekudaleni iSibonelelo seNgeniso esiSiseko. Ebesenza iVoti yoHlahlo-lwabiwo-mali yesebe lakhe kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe.

    Kunyaka-mali ka-2025/26, isebe liza kuba namakhulu amathathu eebhiliyoni zokuqinisekisa ukuba abona bantu basemngciphekweni bayakhathalelwa.

    Kule mali, iibhiliyoni ezingama-24,7 zeerandi zabelwe iArhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika ukuze ilawule izibonelelo kwixesha elilinganiselweyo.

    UTolashe uthi ziyaqhubeka iinzame zokudala iSibonelelo seNgeniso esiSiseko.

    “Siqhubela phambili neenkqubo zokutshintsha isibonelelo se-COVID-19 soNcedo lweNtlalo kwiNtlekele kunye nomlinganiselo osisigxina wenkxaso yomvuzo osi siseko. Ngokunjalo, sijonge ukuphinda sandlale kwiKhabhinethi isindululo somgaqo-nkqubo.

    “Into eyongezelelweyo kwesi sindululo somgaqo-nkqubo kukudibanisa abaxhamli kwingqesho kunye namathuba okuphila azinzileyo. Siza kutsalela kwimpumelelo yeprojekthi yokulinga eqhubayo ngentsebenziswano neFinmark Trust,” utshilo uTolashe

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks