Home Iindaba Urhulumente Uqinisa Umlo Ochasene Nobundlobongela

Urhulumente Uqinisa Umlo Ochasene Nobundlobongela

By Karabo Zwane

UMphathiswa wamaPolisa obambeleyo u-Firoz Cachalia, uqinisekisile ukuba amajoni oMkhosi woKhuselo woMzantsi Afrika, i South African National Defence Force (SANDF) aza kuthunyelwa kumaphondo achaphazelekileyo lulwaphulo-mthetho kwiintsuku ezili-10 ezizayo, njengoko urhulumente eqinisa iinzame zokuzinzisa uluntu kwindawo ezichaphazelekayo.

UCachalia uthe esi sicwangciso sokuqulunqa nokuthumela amajoni sigqitywe emva kwentlanganiso ephakamileyo phakathi koMkomishinala weSizwe wamaPolisa aseMzantsi Afrika, i South African Police Service (SAPS) kunye neNtloko yoMkhosi. Ukuthunyelwa kulindeleke ukuba kuqale kungekudala, kwiintsuku ezili-10 ezizayo.

INtshona Koloni neMpuma
Koloni zibalwe phakathi Kwamaphondo Achaphazelekayo

UMphathiswa uqinisekisile ukuba i Eastern Cape iphakathi kwamaphondo aza kufumana uncedo lweSANDF, njengoko eli phondo lithwaxwa kakhulu lulwaphulo mthetho olunobundlobongela, nto leyo ebangele uloyiko nokungazinzi kuluntu.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks