Umongameli weAfrican National Congress (ANC) uCyril Ramaphosa uthi urhulumente usebenza nzima ukutsala abatyali-zimali abaninzi eMpuma Koloni.
Ethetha kwiphulo lakhe leentsuku ezimbini eliqale ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu eGqeberha, uRamaphosa uthi zininzi izinto eziphuculweyo zephondo, ekhomba kwidama laseMzimvubu.
URamaphosa ukwancoma iNkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ngophuhliso lwephondo. “Uchitha ixesha elininzi ejikeleza kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi ukutsala abatyali mali ukuba beze apha. Ukubanika ukuzithemba nokuqinisekisa ukuba kukho iziseko ezingundoqo ezifanelekileyo emhlabeni. Iindlela ziyenziwa, amadama ayakhiwa. Sele sineminyaka sithetha ngedama loMzimvubu, apha eMpuma Koloni. Ngoku lakhiwa emva kweminyaka emininzi sithetha ngokubaluleka kwalo.” utshilo URamaphosa
Ethetha nabafundi abebebambe iingxoxo, befuthelana ngemingeni ejongene nolutsha, uMongameli Ramaphosa ukhuthaze abafundu ukuba baqinisekise ukuba balandela amakhondo azakunceda uqoqosho nokubangenisa kumathuba emisebenzi. Esithi xa besenza ukhetho lwabo kufuneka bakubeke engqondweni ukubaluleka kokufunda. Ukwacebise ngelithi, umtu makakhethe izakhono azaziyo nakholelwayo ukuba ziyakuqinisekisa ukuba uyawufumana umsebenzi, nje ukuba ugqibile eyunivesithi okanye ekholejini.”
