By Esona Magawana
URhulumente weMpuma Koloni uqinisa iinzame zokuqubisana nobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini (GBVF) njengengxaki yesizwe, ngothotho lweematshi zasezitalatweni zephondo kunye neengxoxo zoluntu ezicwangciselwe le veki,phantsi komxholo othi: “Letsema: Amadoda, Abasetyhini, Amakhwenkwe kunye naMantombazana basebenza kunye ukuphelisa i-GBVF.”
Lenkqubo ikhokelwa yi-Ofisi yeNkulumbuso ibambisene ne Provincial Gender Machinery, kwaye iyinxalenye yephulo lonyaka leentsuku ezilishumi elinesithandathu (16) zokulwa ubundlobongela obuchasene namanina nabantwana kwaye ijolise ekuhlanganiseni uluntu, ukuqinisekisa ukuba i-GBVF ihlala isembindini we-ajenda yophuhliso lwephondo.
INkqubo yonxibelelwano nolwazi lukarhulumente (i-GCIS) iza kuqalisa ngaxeshanye iindibano zothethathethwano noluntu kunye nogayo oluselubala kuzo zonke izithili. Ezi ngxoxo ziya kubonelela ngeendawo ezikhuselekileyo zamaxhoba, kwanokuba uluntu lwabelane ngezisombululo ezisebenzayo, kunye nokuba abachaphazelekayo bajongane njani nezithethe eziyingozi zentlalo ezivumela ubundlobongela ukuba buqhubeke.
Inkqubo yaseMpuma Koloni ilandela isibhengezo esiqinileyo samva nje sokuba ubundlobongela obusekelwe kwisini (GBVF) ibhengezwe njengentlekele yesizwe (National disaster).
URhulumente weMpuma Koloni kunye ne-GCIS bathi iphulo lalo nyaka leeNtsuku ezilishumi elinesithandu (16) liza kugxininisa ngamandla ekuhlanganiseni uluntu, iindlela zokuthintela, inkxaso yamaxhoba, kunye nokutshintsha kwezithethe eziyingozi zesini – ukulungelelanisa iinzame zephondo kunye nezinto eziphambili zesizwe.
