Amapolisa acela uncedo kuluntu ukukhangela umdlwenguli odlwengule intwazana yaseGqeberha ngexesha ekhwele kwi teksi yakhe.
ISebe elijongene nobuNdlobongela kuSapho, ukuKhuselwa kwaBantwana kunye namaTyala oKwabelana ngeSondo eGqeberha, licela uncedo kuluntu ekufumaneni umrhanelwa ofunwa kwisityholo sodlwengulo olwenzeka ngentsasa yangeCawe umhla weshumi elinesine (14) kweyeKhala 2024, eNorth End.
Kutyholwa ukuba malunga nemizuzu engamashumi amabini phambi kwentsimbi yesithathu (14:40), ixhoba elineminyaka elishumi elnesithandathu (16) ubudala lathathwa ngumqhubi weTaxi (e-hailer) owayeqhuba iHyundai emnyama. Ixhoba belisendleleni eya eSummerstrand, kodwa umrhanelwa waqhuba naye ukuya kwichibi laseNorth End. Uthe xa emisa imoto evula ucango lwakhe, ixhoba lazama ukubaleka, kodwa umrhanelwa wambamba wamnyanzela ukuba abuyele emotweni apho amdlwengule khona. Emva koko, umrhanelwa waqhuba wahamba, eshiya ixhoba eNorth End. Wayifumana indlela ebuyela ekhaya, kwaye ityala lodlwengulo lavulwa kwisikhululo samapolisa, eMount Road.
Kusenjalo kuye kwaqulunqwa isazisi somrhanelwa, kwaye kuthiwa umalunga ne-1,7m ubude, uphakathi kweminyaka engamashumi amabini (20) namashumi amabini anesihlanu (25) ubudala. Umrhanelwa, ngokwesazisi esiqhotyoshelweyo, wayenxibe idenim eblue ngombala kunye nesikipa esimhlophe.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni umrhanelwa ukuba atsalele umnxeba uD/WO Timothy Minyanya ku-071 475 1731 okanye atsalele iCrime Stop ku-0860010111 okanye atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane. Akwathembisa nokuba lonke ulwazi luyakuhlala luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bangazichazi amagama abo.