UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uNjengele Nomthetheleli Mene umemelele uluntu ukuba luncedise amapolisa ekukhangeleni abarhanelwa ababandakanyeka kwisiganeko sokudutyulwa nokuphanga umphathi-sikhululo kwisithili saseNelson Mandela Bay ngenjikalanga yangoLwesihlanu umhla weshumi elinesixhenxe (17) kuCanzibe.
Kutyholwa ukuba ngentsimbi yesine malanga ngalo mhla ukhankanyiweyo, ipolisa, Lieutenant-Colonel kunye nenkosikazi yakhe bajike bangena kwindlu yabo eNU7 eMotherwell. Wathi akwehla unkosikazi wakhe ukuze avule isango ukuze angene eyadini, kwangena isithuthi esimhlophe sohlobo lweSuzuki hatchback. Umrhanelwa uye wehla waya kweli gosa efuna umpu wakhe. Eli polisa lidutyulwe engalweni yalo phambi kokuba umrhanelwa abaleke neeselfowuni ezimbini ezithathwe kwisithuthi. Igosa likwimeko ezinzileyo esibhedlele.
Nabani na onolwazi uyabongozwa ukuba atsalele umnxeba iCrime Stop ku-08600 10111 okanye athumele iinkcukacha ngokusebenzisa iMy SAPS App.
