Abecuphi kwiNkonzo yesiPolisa eJames Calata baphanda ityala kulandela ukubhubha komntwana oneminyaka emibini(2) ubudala kwindlu ethile ekwilokishi yaseMasakhane.
Ngokwengxelo evelayo kuvakala ukuba ngomhla weshumi elinesibhozo(18) kweyeKhala 2022 malunga nentsimbi yesibhozo 08:00, umakhulu nomninimzi bebesele bemkile ukuya emsebenzini ngethuba umama (22) womtwana obhubhileyo ethe wakhawuleza waphuma eyokulanda impahla kwadade wabo kufutshane nekhaya lakhe, eshiya lenkwenkwana iminyaka mibini(2) ilele ekamereni ka makhulu nomnye umntana endlini.
Uthe xa ebuya umama weva ngabamelwane ukuba ikhaya labo liyatsha. Xa efika ekhaya, indlu ngenene iyavutha. Wathi akungena ngaphakathi, wafika inkwenkwana eneminya yakhe ithe tywa phantsi.
Umntwana uye ke wasiwa esibhedlele nalapho abhubhele khona.
Okwangoku unobangela womlilo awukaziwa. Amapolisa alumkisa uluntu ngelithi makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko abantwana bashiywe bodwa emakhaya.
Ibambela lomkomishinala wesithili uBrig Asogran Naidoo uvakalise uvelwano olunzulu kusapho oluphulukene nenkwenkwana kwesi sehlo sibi.