Home Iindaba USapho lwaseMaclear lufuna uBulungisa njengoko kulahleke abafana ababini.

USapho lwaseMaclear lufuna uBulungisa njengoko kulahleke abafana ababini.

IZalamane zityhola ukungakhathali kwamapolisa kwimeko leyo eye yashukumisa uluntu lwasemaphandleni.

 

Igxalathelene idolophu yaseMaclear eMpuma Kapa emva kwesiganeko esothusayo esishiye abafana ababini bedukile kwaye uluntu lubanjwe luloyiko. Ngomhla wamashumi amabini (20) ku-Okthobha 2024, indlu eyayihlala abafana abathathu yahlaselwa ngabahlaseli abangaziwayo bakhupha imipu, bejolise kubafana ababini. Okubuhlungu kukuba, banyamalala, yaye abaziwa ukuba baphi na. Umfana wesithathu, yabethwa yimbumbulu enye, yasinda cebetshu kolo hlaselo oloyikekayo emva kokudutyulwe izihlando ezininzi.

Emva kokufumana unyango esibhedlele, lo mfana wasindayo waye wathathwa wafihlwa lusapho lwakhe, besoyikela ukhuseleko lwakhe. Kuthiwa uyabazi abahlaseli kwaye kutyholwa ukuba uyibonile yonke le meko. Imeko iye yaqatsela xa kugrogriswa ngamazwi ka-WhatsApp, ekutyholwa ukuba avela kubenzi bobubi, afikelela kusapho, besithi basezakuba hlukumeza.

Ityala lavulwa kwisikhululo samaPolisa saseNkolosane, eNqanqarhu (Maclear), waza umrhanelwa wokuqala wabanjwa ngomhla wesine (04) kweyeNkanga 2024. Nangona kunjalo, umrhanelwa wesibini usavalelwe, namapolisa alandela zonke iindlela zokubamba.

ISithethi samaPolisa eMpuma Kapa, uLieutanant-Colonel Siphokazi Mawisa uthe:

“Amapolisa angaqinisekisa ukuba ityala lokuzama ukubulala eMaclear lavulwa ukuze kuphandwe, umrhanelwa wokuqala wabanjwa ngomhla wesine (04) kweyeNknag 2024 kwaye useseluvalelweni. Ulwazi kunye nazo zonke izikhokelo ezinokubakho kumrhanelwa wesibini ziyalandelwa. Akukabanjwa okwangoku, uphando lwamapolisa luyaqhuba.”

Ngaphandle kwezi nzame, izalamane zamaxhoba zivakalise ukudana kakhulu ngophando, zityhola amapolisa ngokusilela ukwenza izigqibo. Ngokwengxelo yosapho, umkhondo obalulekileyo kunye nolwazi malunga neli tyala azihoywanga. Okothusayo kukuba, omnye wabarhanelwa kuthiwa ubonwe ejikeleza ngokukhululekileyo kwiilali zasekuhlaleni.

Ukonyusa inkxalabo yosapho zizityholo zokuziphatha kakubi kunye nokuthembakala kwicala lamapolisa. Babanga ukuba kukho ubudlelwane obusondeleyo phakathi kwamagosa aphethe eli tyala kunye nodade womnye wabarhanelwa, nto leyo enokuthi ijongele phantsi isidima sophando.

“Amapolisa abonakala engabuqondi ubunzulu beli tyala,” satsho isalamane esikhathazekileyo. “Sibanikile ulwazi, kodwa akukho nkqubela phambili eyenziwayo.”

Njengoko kuqhutywa uphando lokukhangela iimpendulo, usapho lwamakhwenkwe alahlekileyo lucela uncedo kuluntu.

“Ukuba kukho onolwazi apho akhoyo ngabantwana bethu okanye onolwazi olunokunceda amapolisa, makavele ngaphambili,” babongoze ngelitshoyo.

Eli tyala liye labalaselisa inkxalabo ngokhuseleko nobulungisa kwiindawo ezisemaphandleni, apho uloyiko lokuziphindezela ludla ngokuphazamisana nokukulungela kwamangqina ukuthetha ngokuphandle. Njengoko amapolisa eqhubeka nophando lwawo, usapho noluntu lushiyeke lunethemba lokuphumelela okuya kukhokelela kwiimpendulo nobulungisa kumakhwenkwe alahlekileyo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks