Home Ezemfundo Usekela-ngqonyela waseFort Hare uProf Sakhela Buhlungu unqunyanyisiwe

    Usekela-ngqonyela waseFort Hare uProf Sakhela Buhlungu unqunyanyisiwe

    Usekela-Nngqonyela weYunivesithi yaseFort Hare uSakhela Buhlungu unqunyanyisiwe, ze usihlalo webhunga uSiyanda Makaula uqinisekisile kwingxelo yangokuhlwa kwaNgoLwesibini umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoKwindla.

    Ingxelo ithi uBuhlungu unqunyanyisiwe ngokomyalelo wokhuseleko.

    UMakaula uthe, “Isekela-Ngqonyela kunye nenqununu, uNjingalwazi uSakhela Buhlungu, bazisiwe ngokufanelekileyo ngeziphumo zophando, kunye nesigqibo sebhunga malunga nolawulo lwezohlwayo.

    “Unikwe ithuba lokwenza iziphakamiso malunga nokuba kutheni kungafanele kuthathwe amanyathelo oqeqesho nxamnye naye,” utshilo.

    UMakaula uthe emva kokuqwalasela iziphakamiso zakhe, ibhunga ligqibe kwelokuba, kwintlanganiso yalo ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyoKwindla, libeke uNjingalwazi uBuhlungu kwisigqibo sokumiswa emsebenzini.

    “Ukunqunyanyiswa kuqalile ukusebenza,” utshilo.

    Uthe uphando lufumanise ukuba abasebenzi abane (4) abaphezulu bolawulo, kuquka nesekela-Ngqonyela, baye basilela ukuthobela iimfuno zeCandelo 19.1 loMthetho weYunivesithi, ekubeni imvume yebhunga ayizange ifumaneke yokuqeshwa kwabalawuli abaphezulu.

    “Ukuqwalasela ezi ziphumo, ibhunga ligqibe ngazwi linye ukuba kuthathwe amanyathelo oqeqesho afanelekileyo nxamnye nabasebenzi abatyholwayo,” utshilo.

    UMakaula uthe ibhunga liyavuma ukuba esi sigqibo sisiphumo esibalulekileyo kwaye sinokukhokelela ekungaqiniseki, inkxalabo kunye noloyiko phakathi kwabasebenzi, abafundi kunye neyunivesithi ngokubanzi.

    “Ukuze kugcinwe ukuqhubeka nokuzinza kwimisebenzi yeyunivesithi, ibhunga limisele i-DVC: uphando, intsebenziswano kunye nokuvelisa izinto ezintsha, uGqr Nthabi Taole-Mjimba, ukuba asebenze njengosekela-Ngqonyela obambeleyo kunye nenqununu kude kube sekupheleni kweenkqubo zoqeqesho eziqhubekayo.

    “Sifuna ukuqinisekisa bonke abasebenzi, abafundi kunye noluntu lonke lwaseFort Hare ukuba eli nyathelo liyindlela yokukhusela. Sizimisele ukulandela inkqubo efanelekileyo ngokuhambelana nemithetho yolawulo efanelekileyo, imigaqo-nkqubo kunye nezikhokelo zomthetho,” utshilo.

    UBuhlungu wathatha iintambo zeyunivesithi ngonyaka ka-2017, wangena ezihlangwini zikaGqr Mvuyo Tom. Ngo-2021 ixesha lakhe longezwa.

    Abafundi babambe umngcelele ngenyanga yoMsintsi nyakenye, befuna ukuba arhoxe, besithi ufikelele kumda weminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu (65) yeyunivesithi.

    Kwingxelo ekhutshwe yiyunivesithi ngelo xesha yathi, “ukuvalwa okucwangcisiweyo kwakungento ngaphandle kokuhlaselwa ngokuthe ngqo kwiinkqubo zolawulo eziqinileyo ezazibekwe libhunga leyunivesithi njengenxalenye ye-ajenda yokuhlaziya yeyunivesithi”.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks