I-ActionSA ikugxekile ukutshiswa komzi kasihlalo wesebe lalombutho eMdantsane eMonti.
Inkokeli yeli phondo uAthol Trollip, uthi ngethamsanqa uAsanele Nkonzo wayengekho ekhayeni lakhe ngethuba kusenzeka esi sehlo kwaWadi 11 ngobusuku bangeCawe umhla wamashumi amabini anesithandathu kuCanzibe.
Uthe uNkonzo yintshatsheli yotshintsho kuluntu lwaseBuffalo City kwaye oku kubangele ukungonwabi phakathi kwemibutho yezopolitiko.
“Olu hlaselo lubi kufuneka lujongwe njengokunganyamezelani kwezopolitiko, izoyikiso ezivezwayo kunye nokunyhashwa okungamkelekanga kwelungelo elikumgaqo-siseko lenkululeko yokunxulumana.
“Njengawo wonke umntu waseMzantsi Afrika, amalungu ethu anelungelo lokuthatha inxaxheba kuyo nayiphi na imicimbi yeqela lezopolitiko ngaphandle kokoyikela ubomi bawo,” utshilo uTrollip.
Uhlabe ikhwelo kwi-IEC kunye neziphathamandla zogcino-mthetho ukuba basiphathe ngobunzulu esisifaneleyo esi sehlo.
UTrollip uthe olu hlaselo luxelwe kwiKomiti yoNxibelelwano ye-IEC yePhondo njengoko bekholelwa ukuba oku kuthetha ubundlobongela nokugrogrisa, ukophula iNdlela yokuziPhatha yoNyulo.
Ukwathe uhlaselo lwetshantliziyo lombutho wabo lulandela uqhankqalazo loonoteksi lwakutsha nje noluqhubeka eMthatha naseDutywa, noluthintela abemi boMzantsi Afrika abathobela umthetho ukuba bavote kwaye begrogrisa inkululeko nobulungisa kunyulo luka-2024.
I-ActionSA ithe izakumelana ngokuqinileyo nalo naluphi na uhlobo lobundlobongela nako konke ukugrogriswa, kwaye izakuqhuba nokuthethelela amalungelo nokhuseleko lwamalungu ayo onke, abaxhasi, kunye noluntu jikelele eMpuma Koloni.
