ISithethi seSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uSizwe Kupelo, uthi uzimisele ukusiphika isityholo sokuba nesatifiketi somgunyathi abewa sona.
Oku kuviwe kwinkundla yezoRhwebo yoLwaphulo-Mthetho oluKhethekileyo eMonti ngoLwesine, apho atyholwa ngokukokotela isiqinisekiso sakhe sebanga leshumi ukuze afumane umsebenzi kwisebe lezempilo kwiminyaka engamashumi amabini eyadlulayo.
Kulindeleke ukuba uMbuso ubize amangqina asixhenxe, logama uKupelo yena eza kuthatha inyathelo, ekunye nelinye ingqina elizakuthethelela igama lakhe.
Ngokwengxelo lephepha-ndaba iAlgoa FM News, ityala likaKupelo leentsuku ezintathu kulindeleke ukuba liqhube ukusuka ngomhla weshumi elinesihlanu ukuya kwishumi elinesixhenxe kwinyanga yeDwarha, igqwetha lakhe, uElias Makhanya, lisithi uKupelo uzakubugcina ubumsulwa bakhe.
“Uphando lwesebe lwaluchanekile ukukhulula uKupelo kuwo onke amatyala. Okokuqala, kwakungekho mfuneko yokuba aveze isatifikethi sebanga leshumi xa wayenodliwano-ndlebe ngo-2001.”
Izityholo zikaKupelo zilandela uphicotho lwezakhono neziqinisekiso zemfundo olwenziwa liSebe lezeMpilo ngo-2020, nalapho kwafunyaniswa ukuba wafaka isiqinisekiso sobuqhophololo ngethuba eqala ukusebenzela eli sebe.
UMakhanya uthe; “Awukwazi ukulungisa iingxaki zabantu emsebenzini ngezityholo zolwaphulo-mthetho. Sinoluvo lokuba akukho tyala ngakuSizwe Kupelo kwaphela.”
