17.5 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

USizwe Kupelo utyholwa ngokusebenzisa isatifikethi sematriki sogxa wakhe.

INdoda elixhoba lokusetyenziswa kweSatifikethi sayo sematriki, uCinga Dyantyi, nguSizwe Kupelo onguSekela Mlawuli wezoNxibelelwano kwiSebe lezeMpilo eMpuma Koloni ithi iyamothusa into yokuba wasebenzisa isatifikethi sakhe seBanga leShumi ukuze afumane ingqesho kwiOfisi yeNkulumbuso.

Kwingxelo efungelweyo efundwe kwinkundla yamatyala oRhwebo aKhethekileyo eMonti, uCinga Dyantyi uthi zange aphulukane nesiqinisekiso sakhe sebanga leshumi kwaye wothukile xa edibana nooKhetshe.

Ngokokutsho komtshutshisi uAdvocate Siphamandla Ngxokolo, uDyantyi uqeshwe njengo Mongikazi kwisibhedlele esikhulu saseMthatha kwaye ungqinile ukuba wayefunda kwisikolo esinye noKupelo.

Kwingxelo yakhe efungelweyo, uDyantyi uthi: “Wayengumfana endandifunda naye eMkhankatho, kodwa eCH Bokeni High sasingafundi eklasini enye, nangona sasingabantu abangabahlobo nje, andazi ukuba waya wayokulifunda phi ibanga lakhe leshumi, xa ndijonga isiqinisekiso sakhe, izifundo zakhe neempawu zakhe zazifana ncam nezam, emazantsi esatifikethi sakhe, yayingekho ncam into yokuba le bhakhowudi ayonyani.

UKupelo ujongene nezityholo zobuqhophololo ezinxulumene neSatifikethi sakhe seMatriki sikaZwelonke; ityala liyaqhuba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
54 %
5.6kmh
73 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks