By Sophumelela Singqota.
Igcisa laseMzantsi Afrika, umbhali weengoma, kunye nogqirha uSindile “SMAMA” Simama uvusa ingxoxo-mpikiswano yesizwe ngokukhupha ingoma yakhe entsha ethi, UBUNGQINA, ingoma ejongene nomba obuthathaka wokutyholwa kwamadoda.
USimama (48) owazalelwa eMakhanda wakhulela eGqeberha, ukhule engqongwe ngumculo.
“Ndikhulele kusapho oluthanda ukucula kunye, ngoko ke umculo ubusoloko uyinxalenye yobomi bam. Umculo lubizo olungenakulibaleka nokuba uyafuna,” utshilo
UBUNGQINA, yingoma ejongene neziphumo ngokwasemphefumlweni, ngokwezomthetho, kunye nezentlalo zamadoda ezifumanisa ukuba abantwana ababakhulisileyo ayingobabo. Ngokwezifundo zakutsha nje, le nyaniso ichaphazela amadoda aqikelelwa kumashumi amathathu eepesenti ekhulwini avavanyiweyo eMzantsi Afrika.
“Le asiyongoma yokutyhola, yingoma ethetha ngenyaniso,” ucacise watsho uSimama.
“Amadoda axelelwa ukuba athabathe uxanduva. Kodwa kwenzeka ntoni xa indoda ibekw’ ityala ngomntwana ongengowakhe, ngokusekelwe kubuxoki? Kuphi okusesikweni, isidima, nokuphiliswa kwaloo madoda?”
Igcisa likwaqaqambisa ukuba abantwana bachaphazeleka ngokunzulu kwezo zityhilelo.
“Ukufumana ulwazi malunga neengcambu zikatata wakho wokwenyani kamva ebomini bakho kunokuba neziphumo ezibi njengoko ubuni bomntu buxhomekeke kakhulu kwimvelaphi yabo,” wongeze watsho.
Le ngoma iveliswe nguDj Teddy (Zipho Sigcawu), ingoma ye-Afrosoul edibanisa amazwi amnandi kunye nezixhobo zesiNtu, inika ubuthathaka kunye nokujongana. Eli cwecwe liphumileyo lilandela icwecwe likaSimama elonyulwe ngembasa elithi Isipho (2023) kwakunye nengoma enika imbeko yakhe kumama wakhe, uNdenzel’ uMama (2025).
Nangona kukho imingeni kushishino lomculo, ukulungelelanisa umsebenzi kunye nokulwela ukudlalwa kweengoma zakhe kunomathotholo, ukuzinikela kukaSimama kuhlala kucacile.
“Umngeni ngamnye undifundise ukomelela kwaye ndomeleza ukuzibophelela kwam ekudaleni umculo omninzi onyanisekileyo nonentsingiselo,” utshilo.
Ingoma UBUNGQINA, uSMAMA uzibona njengomntu ongaphezulu kwegcisa, ulilizwi lenkcubeko elingoyikiyo ukusebenzisa umculo njengeqonga lengxoxo.
“Lo ayingomcimbi wamadoda okanye owabasetyhini, ngumba wenyaniso. Umalunga nokuphendula, ukunyaniseka, kunye nekamva leentsapho zethu. Njengamagcisa, kufuneka senze indawo yezi ngxoxo.”
UBUNGQINA buyafumaneka kuwo onke amaqonga edijithali, kubandakanya iSpotify, Apple Music, YouTube, kunye nezinye.

