Home Ezemfundo USodolophu waseNgqushwa undwendweleisikolo samabanga aphezulu iMidushane kwilali yakwaNgqwele

    USodolophu waseNgqushwa undwendweleisikolo samabanga aphezulu iMidushane kwilali yakwaNgqwele

    uSodolophu weSigqeba somaspala waseNgqushwa uSanga Maneli ehamba nebhunga elikhokhelayo kwaMasipala, abafundisi bakwaLizwi (Council of Churches) bandwendwele isikolo samabanga aphezulu iMidushane kwilali yakwaNgqwele ngenjongo yokunikezela ngenkxaso phantsi kwenkqubo ye “ILIMA’’ apho kuncediswa khona abafundi ngexesha behlala esikolweni xa kubhalwa imviwo zebanga leshumi ngoLwesihlanu. Imidushane sesinye sezikolo ezafakwa nguSodolophu phantsi kwephiko lakhe.

    Lenkqubo iqale kakuhle yavulwa ngomthandazo, UMfundisi N Williams uthe “Amasirayeli asibona isandla sikaYehova”. Uthethe nabazali, abafundi ootitshala wathi, Isandla sikaYehova masibambese, senze imimangaliso, zithi nentolo zikamtyholi zingafiki kubo. Njengoko umasipala eze kufaka isandla apha, uthi kungumnqweno nendzondelelo yakhe ukuba abafundi bafunde baphumelele.

    Ilungu le SGB lamkele wonke umntu lisithi, “UThixo usivile isikhalo sethu, ngenene nisisandla sokunene kuthi koko wenzeni ngemizimba ekhululekile umsebenzi enizokuwenza apha namhlanje”.

    Usodolophu Sanga Maneli uyancoma umsebenzi wokuphucuka kwezinga leziphumo zemviwo kweli tyeli lekota yesithathu (Trial Examination) kwi Sekethe yaseNgqushwa, izikolo ebezifudula zingaqhubi kakuhle nazo ziwonyusile umgangatho. Umasipala uyabakhuthaza abafundi ukuba bazimisele bafunde, babhale kakuhle baphumelele imviwo njengoko besingisela ukuya kwaNokholeji kunyaka ozayo ukuphucula ikamva labo. USodolophu uyabakhuthaza kwakhona ukuba bafake izicelo zokufumana imali yokufunda kuNSFAS ukwenzela bakwazi ukuya kwi Kholeji ne Dyunivesithi baphucule ilizwe loMzantsi Afrika namakhaya abasuka kuwo.


    Kunyaka ophelileyo iNgqushwa ihambe phambili yaphumelele emagqabini kwisiThili I Amathole West. USodolophu uthe, njengoko umfundisi ethe umasipala uze kufaka isandla. Ngenene benza njalo, inkxaso ebayenze ngoLwesihlanu izakuncedisa bangalali bengafumananga into esiwa phantsi kwempumlo.

    Iqununu yesikolo unkosazana Nomonde Ntshoko ubulele esithi, ubukho abathathi-nxaxheba bululutho kubo, abantwana bebonke bayi 31 kwaye bahlala nabo esikolweni ngeli xesha lemviwo, ekwathi unqwenela abazali babakhuthaze abantwana bafunde baphumelele bagqithele phambili bathweswe izidanga (Graduates).

    Umnumzana Bongani Qomve ongumzali, ubulele lpesithi ”sizakulala singenaxhala ukuba baza kulala betye ntoni abantwana bethu. Inkxaso enisinike yona singabazali inkulu iyabakhuthaza abantwana bethu”.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks